IMfundo Noqeqesho Olungundoqo Kubantu Abadala (ABET)
BESKRYWING: |
Baqikelelwa kwizigidi ezi-3.3 abantu abadala abangakwazi kufunda nakubhala eMzantsi Afrika. Ukuphelisa ukungakwazi ukufunda nokubhala yenye yezinto ezibalulekileyo ezilithoba iSicwangciso-qhinga seSizwe SeMfundo, iTirisano, esijongene nazo. IMfundo Noqeqesho Olungundoqo Kubantu Abadala (ABET) ivuleleke kubantu abadala abafuna ukugqibezela imfundo yabo engundoqo. Inkqubo esekelwe kwiziphumo, iABET, ijongene nokubonelela ngezixhobo ezingundoqo zokufunda, ulwazi nezakhono, ze ibonelele abathathi-nxaxheba ngeziqinisekiso zokuba beyifumene imfundo eyamkelwa kweli lizwe. Amanqanaba amane oqeqesho lwe-ABET alingana namabanga emfundo u-R ukuya ku-9. I-ABET iquka uqeqesho:
Abafundi basenokukhetha ukuthatha izifundo:
|
VOORSKRIFTE: |
Kukho iZiko Lolawulo Nophuhliso Lwemfundo Noqeqesho Olungundoqo Lwabadala kwisithili ngasinye samaziko asixhenxe Olawulo Nophuhliso Lwemfundo(iiEMDC ngamafuphi) kweli Phondo. Qhagamshelana nomcebisi we- EMDC kwindawo ohlala kuyo ukuze ufumane ezinye iinkcukacha malunga nezifundo ezenziwayo. Iinkcukacha ezithe vetshe malunga neemfanelo zeMfundo Noqeqesho Lwabadala Olungundoqo ndawonye nobume bezifundo ziyafumaneka kweli nxiwa-WCED ABET Assessment website. Ukufumana ezinye iinkcukacha ezithe vetshe malunga namalinge enziwa ngurhulumente wephondo aphathelele kwi-ABET, qhagamshelana no-:Dave Shepherd Kule nombolo yomnxeba: 021 467 2611/13 Ifeksi: 021 467 2996 dshepherd@pgwc.gov.za |
VERSKAF BY: |
Hierdie fasiliteitskategorië: |
VERSKAF DEUR:
|
STAATSLIGGAAM:
|
Institusionele Bestuurs- en Beheerbeplanning (Wes-Kaap Onderwysdepartement, Wes-Kaapse Provinsiale Regering) |
Die inhoud van hierdie bladsy is laas op 3 Mei 2005 hersien