Cape Gateway
English | isiXhosa | Aangaande | Kontak | Hulp | Gevorderde Soektog  |
 
Athini Amalungelo Abathengi?
2004
Verbruiker Billike Verhandeling (Department of Economic Development and Tourism, Wes-Kaapse Provinsiale Regering)
OPSOMMING
Uphando Lukazwelonke Ngemiba Yabathengi ngo-2004 lufumanise ukuba bambalwa kakhulu abemi boMzantsi Afrika abawaziyo amalungelo abo njengabathengi. Olu shicilelo lufutshane lubeka elubala amalungelo abathengi asibhozo ahlonitshwa lihlabathi ngokubanzi naluphawu lwemibutho namaphulo amalungelo abathengi. La malungelo awafani namalungelo oluntu athiwe thaca kuMgaqo-siseko, noxa ke esebenzisana futhi ehambelana ngeendlela ezininzi.

Ilungelo Lokukholiseka Okungundoqo Ekufezekisweni Kweemfuno Ezingundoqo
Bonke abathengi banelungelo lokufumana iimveliso neenkonzo ezingundoqo ezifana nokutya, amanzi okusela, indawo yokuhlala, impahla yokunxiba, unonophelo lwempilo nemfundo.

Ilungelo Lokufumana Ukhuseleko
Abathengi banelungelo lokuzikhusela kwiimveliso neenkonzo ezibeka ukhuseleko lwabo emngciphekweni. Ezi mveliso zibeka ukhuseleko emngciphekweni zingakhokelela ekutshabalaleni kwempahla nezakhiwo, ekonzakaleni nditsho nasekusutyweni kukufa.

Ilungelo Lokwaziswa
Abathengi banelungelo lokufumana ulwazi olupheleleyo ngexabiso, inani, kwanezithako kwabo banikezela ngeemveliso neenkonzo.

Ilungelo Lokukhetha
Abathengi banelungelo lokukhetha kuthotho lweemveliso neenkonzo ezisemgangathweni ezithengiswa ngamaxabiso akumgangatho oncumisayo.

Ilungelo Lokuviwa
Ukumelwa: Abathengi banelungelo lokumanyelwa futhi bavakale ngemiba, imigaqo-nkqubo, izicwangciso, iinkqubo nezigqibo ezibachaphazelayo.

Ilungelo Lokusonjululwa Kweembambano
Abathengi banelungelo lokuhoywa nokuthathelwa ingqalelo kwezikhalazo zabo ngeemveliso neenkonzo ezikumgangatho ophantsi, ezingakhuselekanga, ezimaxabiso axhome ngokuxhomisa amehlo, amabango angatshongo khona nanomkhethe nezinye nje iintshukumo ezibachaphazelayo ezingalunganga.

Ilungelo Lokufundiswa Ngokuba Ngumthengi
Abathengi banelungelo lokufundiswa ngendlela eza kubanceda bakhethe benolwazi futhi beluthembile ulwazi abanalo ngeemveliso neenkonzo.

Ilungelo Lendawo Yokuhlala Nokuphangela Esempilweni Nezinzileyo
Abathengi banelungelo lokuhlala nokuphangela kwindawo engabeki mnciphekweni impilo nobomi babo futhi engenakubangela ngozi kwisizukulwana esiphila ngoku kwaneso sisezayo.

Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe ngamalungelo abathengi, tyelela iwebsite yeNational Consumer Forum.

Die inhoud van hierdie bladsy is laas op 13 Oktober 2004 hersien
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo Cape Gateway is 'n diens wat die regering hoofsaaklik aan die burgers van die Wes-Kaap bied deur die voorsiening van inligting oor plaaslike, provinsiale en nasionale regering Western Cape: A Home For All logo