Cape Gateway
English | isiXhosa | Aangaande | Kontak | Hulp | Gevorderde Soektog  |
 
BELEID
URhulumente unomgaqo-nkqubo wokunikezela ngeethenda oqwalasela imiba ethile. Oku kuthetha ukuba urhulumente unika ingqwalasela imiba engelilo ixabiso xa anikezela ngethenda. Le miba iqwalaselwa ngokohlobo lwamanqaku. Ukuba ufuna ukwenza olu hlobo lokunikezelwa kweethenda ngokwamanqaku likusebenzele, kufuneka ugcwalise amaphetshana ezicelo alungele oko.

Umthetho iPrefential Procurement Policy Act ithi thaca umgaqo-nkqubo ophangaleleyo omawulandelwe xa kudalwa umgaqo-nkqubo wokukhetha abantu namashishini athile emawanikwe amathuba okushishina norhulumente. Amaqumrhu karhulumente alawulwa ngulo mgaqo-nkqubo futhi umgaqo-nkqubo wokukhetha abantu namashishini athile aza kushishina norhulumente wenziwe ngokwemigaqo yalo mthetho.

Umthetho i-Public Financial Management Act uveza eminye imimiselo embaxa ekufuneka urhulumente eyilandele xa enikezela ngeethenda, futhi ekufuneka ifundwe ngokungqamene nale mimiselo.

KWISIZWE

Kumgangatho wesizwe, imiba eqwalaselwayo ekunikezeleni ngeethenda ibandakanya:

  • ukwenziwa kweemveliso apha kweli lizwe
  • abanini bamashishini ababesakungabi nawo loo mathuba ngaphambili
  • abanini bamashishini lawo ngamakhosikazi

KUMAPHONDO

Uhlobo lokuqwalasela izicelo zeethenda ngokwamanqaku ziyachazwa kwiphetshana lesicelo i-WCBD 6.1 ekufuneka ligcwalisiwe. (Jonga ukuba iithenda zinikezelwa njani.)

Kwiithenda ezixabisa ngaphantsi kwama-R500 000, indlela yamanqaku engu-"80/20" iye isetyenziswe. (Oko ke kuthetha ukuba iithenda ziqwalaselwa ama-80% ngokwexabiso ze ibe ngama-20% amanqaku ngemiba efana nokuba umntu lowo ufaka isicelo wayesakusengelwa phantsi ngokwamalungelo ngaphambili, nokuba umnini weshishini elifaka isicelo engowasetyhini, njalo-njalo). Kwiithenda ezixabisa ngaphezu kwama-R500 000, indlela yokuqwalasela engu-"90/10" iyasetyenziswa.

Ayiyiyo yonke imiba eya kuqwalaselwa kuso sonke isicelo sethenda. Iimpepha zethenda kufuneka ziyichaze imiba eqwalaselwayo kwithenda yakho. Le miba, kwakunye neempepha zokufaka isicelo eso, zibizwa ngokuba zii- "WCBD" kukuba:

  • la mashishini abe aphantsi kwabanini ababesakusengelwa phantsi ngokwamalungelo ngaphambili, amakhosikazi kwanabantu abakhubazekileyo: i-WCBD 6.1 (kulo lonke ukhuphiswano lwethenda) okanye i-WCBD 6.2 (kwiintengiso nasekuqeshisweni ngempahla yeshishini).
  • Ishishini elisakhulayo: i-WCBD 6.7
  • Iimveliso ezenziwe kweli lizwe i-WCBD 6.4
  • Ukusetyenziswa kwazo zonke iindlela ukuzama ukubeka emgangathweni izakhono zabasebenzi bakho: i-WCBD 6.5
  • Ukuphuculwa nokuphuhliswa kwezibonelelo zoluntu kubasebenzi bakho: i-WCBD 6.6
  • Ukuba ishishini elo lakhelwe futhi lisebenza apha eNtshona Koloni, ukuze kusetyenzwe khona: i-WCBD 6.9
  • Ukuba ishishini elo likwisithili umsebenzi oza kwenzelwa kuso: i-WCBD 6.10
  • Amashishini akwindawo kaMaspala ze nomsebenzi lowo ube uza kwenziwa phakathi kwingingqi yaloo maspala: i-WCBD 6.11
Imiba Esanda Kwaziswa Eza Kunikwa Ingqwalasela Kwiithenda:
  • Imveliso eyenzelwa ukuthunyelwa kumazwe ngamazwe ukuzama ukudala amathuba emisebenzi: i-WCBD 6.8
  • Amashishini akwiindawo ezisemaphandleni: i-WCBD 6.12

KWIIDOLOPHU

Icandelo ngalinye likarhulumente wedolophu linomgaqo-nkqubo walo wokunikezela ngeethenda.

Umgaqo-nkqubo wokunikezelwa kweethenda weSixeko saseKapa ulapha.
Die inhoud van hierdie bladsy is laas op 31 Januarie 2005 hersien
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo Cape Gateway is 'n diens wat die regering hoofsaaklik aan die burgers van die Wes-Kaap bied deur die voorsiening van inligting oor plaaslike, provinsiale en nasionale regering Western Cape: A Home For All logo