KAAPSE WYNLAND DISTRIKSMUNISIPALITEIT: OORSIG
|
OORSIG
|
UMasipala weSithili seseCape Winelands ubandakanya iBreërivier namaBunga eSithili iWinelands. Oomasipala beSithili ngabo abalawula benze nemithetho yesithili, engabandakanyi masipala mnye. Injongo yaba masipala bezithili nabeengingqi kukubambisana ngoxanduva lorhulumente wengiqngi kwiindawo zabo ukuqinisekisa ukuba zonke iindawo zoluntu, ingakumbi iindawo zoluntu oluhlelelekileyo, ekufuneka libe nokzifikelela ngokulinganayo izibonelelo kwaneenkonzo. Oku kuya kunceda oomasipala beengingqi abangenazo izinto ezizibonelelo ezifana (nemali, amaziko, abasebenzi nolwazi) ezingenza kukwazeke ukuziswa kweenkonzo kwiindawo zabo. Bakwanceda nasekucutheni iindleko zokwenza umasipala abe nokusebenza ngokwabelana ngezibonelelo kunye namanye amabhunga. Iindawo æezinezintoÆ ziya kunceda ezo æzisweleyoÆ. Eminye yemisebenzi namagunya oomasipala besithili ibandakanya: - ukuceba uphuhliso lomasipala wesithili sisonke.
- ubonelelo lwamanzi aziswa ngobuninzi bawo oko kuthi kuchaphazele uninzi loomasipala besithili.
- ubonelelo lombone oziswa ngobuninzi bawo oko kuthi kuchaphazele uninzi loomasipala besithili
- ubonelelo ngemisebenzi yokucocwa kwelindle nokuthuthwa kwalo
- ubonelelo ngeendawo zokuchitha inkunkuma yommandla wonke wesithili
- ubonelelo ngeendlela zomasipala kummandla wonke wesithili
- ukuziswa kweenkonzo zokuthutha abahambi
ukuziswa kweenkonzo zempilo kummandla wonke - ukuziswa kweenkonzo zcimo-mlilo kummandla wonke
- ukulawulwa kweemalike zokutya ukusanda kuvunwa/kwenziwa
- ukuphathwa kwamangcwaba
- ukukhuthaza ukhenketho lwenqila kwindawo yonke
- imisebenzi kamasipala eluntwini
WEBTUISTE: www.wcdm.co.za |
Die inhoud van hierdie bladsy is laas op 25 Augustus 2004 hersien
|
|
Cape Gateway is 'n diens wat die regering hoofsaaklik aan die burgers van die Wes-Kaap bied deur die voorsiening van inligting oor plaaslike, provinsiale en nasionale regering |
 |