Cape Gateway
English | isiXhosa | Aangaande | Kontak | Hulp | Gevorderde Soektog  |
 
WES-KAAPSE PROVINSIALE REGERING: OORSIG

Provincial Government logosuRhulumente wePhondo leNtshona Kapa usebenza ngentsebenziswano noRhulumente weszwe ekuqulunqeleni uluntu imithetho kwanokunikezela ngeenkonzo kuluntu lwaseNtshona Kapa.

INKULUMBUSO YENTSHONA KAPA

iNkulumbuso yeNtshona Kapa inawona magunya aphezulu olawulo kwiNtshona Kapa, ngokuthunywa nguMgaqo-siseko ukuba ibe yintloko kaRhulumente weli Phondo. Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, tyelela iwebsite yethu.

-->
URHULUMENTE WEPHONDO LENTSHONA KAPA

uRhulumente wePhondo leNtshona Kapa wenziwa ngamasebe alishumi elinesibini, angala:

Nanjengokuba esebenza ngohlahlo lwabiwo-mali oluli-R16.4 lezigidi-gidi (ngo-2004), la masebe anoxanduva lokuqinisekisa ukuba imithetho iyathotyelwa kwanokunikezela ngeenkonzo kubantu baseNtshona Kapa.

UBUME BENTSHONA KAPA

map of the western cape iNtshona Koloni le ikwincam ekumzantsi-ntshona wezwekazi i-Afrika. Ngokupheleleyo, iNtshona Kapa iquka ingingqi eli-129 386 km˛.

Kukho malunga ne-4.2 sezigidi zabantu abahlala kweli phondo, uninzi lungabo bathetha isiBhulu njengolwimi lweenkobe. Ezinye iilwimi ezisetyenziswa ngokusesikweni kweli phondo sisiNgesi nesiXhosa.

iNtshona Kapa le yenza igalelo elikumgangatho wesithathu ubukhulu kuqoqosho olupheleyo lweli lizwe. Nabantu abangaphezu kwe-170,000 abaqeshwe kushishino lwamalaphu nemiqhaphu, eli candelo lingoyena vimba ubalulekileyo ekudalweni kwamathuba emisebenzi kwiNtshona Kapa. Isibalo esisesikweni sentswela-ngqesho kweli phondo, esingu-18.4%, sisezantsi kakhulu xa sithelekiswa neendawo ezininzi zeli lizwe.

Ezi nkcukacha zithatyathwe kwiNcwadi Yonyaka yoMzantsi Afrika ka-2002/2003

UMGAQO-SISEKO WENTSHONA KAPA

uMgaqo-siseko wesizwe uyayivumela indlu yowiso-mthetho yephondo ngalinye ukuba iqulunqele iphondo elo umgaqo-siseko walo. Umgaqo-siseko lowo wephondo kufuneka usebenzisane nalo wesizwe.

uMgaqo-siseko weNtshona Kapa waphunyezwa ngo-1998 kwaye ufumaneka ngeelwimi ezisetyenziswa ngokusesikweni kweli phondo, ezisisiBhulu, isiNgesi nesiXhosa.

IPALAMENTE YEPHONDO LENTSHONA KAPA

iPalamente yePhondo leNtshona Kapa inoxanduva lokuqulunqela eli phondo imithetho ngokwemida yamagunya ayo njengoko kuthiwe thaca kuMgaqo-siseko woMzantsi Afrika. Olu xanduva luquka ukuqulunqa imithetho yephondo elawula:

  • ulimo
  • amaziko ongcakazo, imidyarho, ungcakazo nemidlalwana ehlekisayo
  • imiba yenkcubeko
  • imfundo kuwo onke amanqanaba, ngaphandle kwemfundo yeedyunivesithi neyeeeteknikoni
  • indalo engqongileyo
  • iinkonzo zempilo
  • imicimbi yezezindlu
  • umgaqo-nkqubo weelwimi
  • ulondolozo lwendalo
  • iinkonzo zobupolisa
  • iinkonzo zosasazo loluntu kwiphondo
  • uthutho loluntu
  • ucwangciso nophuhliso lwemimandla
  • imimiselo yezithuthi zendlela
  • utyelelo
  • ukuphuculwa kweentengiso namashishini
  • abasemagunyeni kumasiko nezithethe
  • uphuhliso lweedolophu namaphandle
  • ukwenziwa kunikezelwe ngamaphepha-mvume okuqhuba
  • iinkonzo zentlalo-ntle
  • izilarha zokuxhelela
  • iinkonzo zeenqwelo zezigulana
  • amaphepha-mvume okushishina ngotywala
  • amaziko alondoloza imbali kodwa angengawo akazwelonke
  • ucwangciso lwephondo
  • imiba yezenkcubeko yephondo
  • ezolonwabo nezinye iintshukumo zelo phondo
  • imigaqo nezithuthi zephondo.

iPalamente ikwisitalato iWale, eKapa. Le ndlu inamalungu angama-42 ze izihlalo ezili-24 zibe phantsi kwe-ANC, i-13 libe phantsi kwe-DA, 1 kwi-ID, 2 kwi-ACDP, 2 kwi-UIF. Inkulumbuso ngoku nguMnumzana Ebrahim Rasool.

IKAPA ELIHLUMAYO

"iKapa Elihlumayo", yinjongo esisiseko sokunikezelwa kweenkonzo zikarhulumente weli phondo kuhlahlo lwabiwo-mali lonyaka-mali u2004/05 kwaneminye esezayo. Lo mbono uguqulelwe kwisicwangciso-qhinga esinamanqaku asibhozo esiza kuba ngumkhomba-ndlela kurhulumente kwanabalingane bakhe abasuka eluntwini kwiminyaka elishumi ezayo, ukuya kunyaka u-2014. La manqaku asibhozo akwasetyenziswa nakuhlahlo Lwabiwo-mali lonyaka-mali u-2004 olucwangciswe ngawo. Ukuba ufuna okunye, kukho uxwebhu lwesicwangciso, umxholwana okuhlahlo lwabiwo-mali, kwanencwadana ngalo mba.


WEBTUISTE: www.capegateway.gov.za
Die inhoud van hierdie bladsy is laas op 22 Junie 2007 hersien
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo Cape Gateway is 'n diens wat die regering hoofsaaklik aan die burgers van die Wes-Kaap bied deur die voorsiening van inligting oor plaaslike, provinsiale en nasionale regering Western Cape: A Home For All logo