|
|
OoNondyebo bePhondo balawula izipaji zePhondo leNtshona Koloni. Banoxanduva lokuqinisekisa intsebenzo eyiyo kwizimali, uhlahlo lwabiwo-mali kwanolawulo lwekhonkco lwezibonelelo yaye kufuneka beze nengcebiso ngomgaqo-nkqubo wokulawulwa kwezimali nezibonelelo ukuxhasa urhulumente ekunikezeleni ngeziphumo zomgaqo-nkqubo wakhe kwanezimvo ngemiba ezinzileyo ekusetyenzisweni kwezibonelelo, ukunika igalelo ekuphuculweni kwemigangatho yokuphila kwanomgangatho weenkonzo ezifunwa ngabemi bephondo leNtshona Koloni. ISAZISO
OoNondyebo bePhondo, ngokwemisebenzi abayinikwe yiPublic Finance Management Act kwaneminye imithetho esondeleyo, bancedisa uMphathiswa/iCandelo loMphathiswa weZimali noPhuhliso loQoqosho ukuphuhlisa kwanokwenza banzi isiseko soqoqosho lweli Phondo. Bakwenza oku ngoku-
Ukuphumelela kwezi nzame kuya kukhokelela ekuphunyezweni kweenjongo ezichazayo zikarhulumente weNtshona Koloni zokuhlala ethembeni, ukunikezelwa kweenkonzo kwanesidima kumntu wonke kwanokuphunyezwa kombono iKapa elihlumayo. IIMPEPHA EZIBALULEKILEYO UHlahlo Lwabiwo-mali lwePhondo luka-2004/2005 Isicwangciso-qhinga sooNondyebo bePhondo Okuzuzwe ngooNondyebo bePhondo ukusukela ngo-1995
iKAPA ELIHLUMAYO
![]() iKapa elihlumayo liqhinga lePhondo leNtshona Koloni lokukhawulelana neemfuno zabantu. Eyona nto ibalulekileyo kukwandisa inkxaso kwabo bahluphekileyo, ngelixa kukwaqinisekiswa ukuba abantu abaninzi banokuzuza ingeniso ngengqesho ehlawulayo. Iinjongo zeKapa elihlumayo kukunciphisa intswela-ngqesho, intlupheko, kwanokungalingani ngokwemivuzo ngokuphuhlisa ukukhula koqoqosho kwanokuthathwa kwenxaxheba kwiphondo. Inkcitho ethe kratya kweli phondo ekuphuhlisweni kwezakhono norhwebo kwimisebenzi yezibonelelo ezinkulu iya kusetyenziswa ukutsala urhwebo lwabucala ukuphuhlisa uqoqosho. IPhondo eli liyakwayamisa eli qhinga lexesha elide kwinkxaso eyandisiweyo kwabo bahluphekileyo ngokuhlawulwa kweenkxaso-mali kwanokunikezelwa kweenkonzo ngendlela ephucukileyo. IMVELAPHI YEMBALI
Ulonyulo lokuqala kulawulo ngentando yesininzi eMzantsi Afrika ngo-1994 lwakhokelela kwindlela entsha yopolitiko eyadala aMaphondo alithoba amatsha. Kodwa kwakungekho balawuli kuloo maphondo ukuze beze neenguqu ezidingekayo. Kwafuneka sakhe iPhondo, futhi oyena ndoqo wolu lwakhiwo yayilisebe loonondyebo elisebenzayo - kungoko ke iSebe looNondyebo beNtshona Koloni lazalwa ngomhla wokuqala kwekaTshazimpunzi ku-1995 njengengxenye yeSebe elitsha leZimali neeNkonzo Zoshishino. Lalikwanikwe noxanduva lokuqinisekisa ukuba amasebe afana neli aya kudalwa kumaphondo uMntla Koloni neMpuma Koloni. Ulawulo lukarhulumente wephondo luxhomekeke kakhulu ekusebenzeni ngendlela eyiyo kweSebe looNondyebo bePhondo. Ukuqinisekisa ukuba iNtshona Koloni yayisebenza ngendlela eyiyo nengachithi mali ininzi, eli Sebe lazibandakanya nenkqubo yokwakhiwa ngokutsha ukuzihlanganisa neSebe leSizwe looNondyebo. Inkqubo yokwakhiwa ngokutsha yayidinga iinjongo zomgaqo-nkqubo kwanamaqhinga ekufuneka ekhangelwe ze kuqinisekiswe ukuba ayasebenza. Oku kwenziwa ngokudalwa kwamacandelo akhethekileyo, afana nePublic Finance and Accounting, Asset Management, Human Resource Management neResource Management. Le nkqubo yagqitywa kwisiqingatha sokuqala sonyaka u-2003 ze yabandakanya la manqanaba:
IINJONGO ZEQHINGA/MISEBENZI
ISebe elisebenzayo neliphunyeziweyo ngoku kufuneka linikezele iinkonzo ezingcono kwiinjongo zeqhinga leSebe looNondyebo yaye liya kulinceda ukumelana nemiceli-mngeni yezoqoqosho loluntu lweli Phondo namanye amaphondo, oomaspala kwanabanye abantu okanye iinkampani ezinomdla kulo mba. Iinjongo (zamaqhinga) zeSebe looNondyebo zezi:
|
