Cape Gateway
Afrikaans | isiXhosa | About | Contact | Help | Advanced Search  |
 
Inkonzo Yokuxilongwa Kwezifo Zezityalo
DESCRIPTION:
Umzana wophendlo lwezifo zezityalo phaya e-Elsenburg inika uluntu lwaseNtshona Koloni inkonzo yoxilongo lwezifo zezityalo.

Igxininisa kakhulu kwinkalo yezifo zemifuno, ezezilimo ezineenkozo ezincinane, kwezezityalo eziziilupin neekhanola.

Uphendlo oluqhutywa kulo mzana lujoliswe ekubhaqeni izinto ezibanga izifo, izinto ezo ezizezi ntlobo zilandelayo:
  • Ukungunda
  • Amagciwane
  • Iintsholongwane
  • IiMycoplasma.
INSTRUCTIONS:
Xa kusenziwa olu phendlo kufuneka ukuba zibekho ezi sampuli zilandelayo:
  • Isityalo sisonke (xa sinokukwazi ukufumaneka)
  • Iimbewu
  • Iziqhamo (kuze kuqwalaselwa izifo ezivela emva kokuba sezivuniwe).

Isampuli ezingeniswayo kufuneka zihambe nephetshana lokungenisa iisampuli, phetshana elo lifumaneka kuvimba weenkcukacha zekhompuyutha i-Elsenburg website.

Ezi sampulu zingeniswayo ke kufuneka ukuba zifike zikwimeko ekufaneleyo ukuba zingasetyenziswa kwiindlela zophendlo lwezifo zezityalo.

ISebe lezoLimo leNtshona Koloni nabasebenzi balo abalwamkeli uxanduva lweziphumo zolu phendlo.Xa ufuna inkcazelo eyenye, qhagamshelana no:
Lizette van Deventer
ngomnxeba kwa: 021 808 5269
lizettevd@elsenburg.com

PROVIDED BY:
GOVERNMENT BODY:
Technology, Research and Development (Department of Agriculture, Provincial Government of the Western Cape)
PRICE:
Iintlawulo ukuza kuthi ga ngomhla wokuqala kwekaTshazimpunzi ka-2006 bezimi ngolu hlobo:
  • Uvavanyo olukhulu noluncinci: R85
  • Uvavanyo lokungunda(olwesiqhelo): R150
  • Uvavanyo lwegciwane(olwesiqhelo): R220

Amaxabiso ophendlo

Uvavanyo lweembewu lwenziwa ngexabiso ngokwesizathu olwenzelwe sona.Imeko nganye ijongwa ngokwemiba yayo.Amaxabiso aquka iVAT yaye anokwenyuka ngokuhamba kwamaxesha.

Amaphetshana achaza ixabiso laloo nkonzo athunyelwa kumntu ojongene noko njengoko kuthiwe thaca kwiphetshana lesicelo
The content on this page was last updated on 6 April 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo Cape Gateway is a government service aimed primarily at citizens of the Western Cape, providing information on local, provincial and national government Western Cape: A Home For All logo