DESCRIPTION: |
Iziko Lolondolozo Loovimba-mpepha laseKapa livumela uluntu ukuba lufikelele kwiimpepha zaseburhulumenteni kwaneempepha zabucala ezimashumi mabini nangaphezulu eminyaka ubudala. Lo vimba-mpepha usetyenziselwa ukugcina iinkcukacha zophando lwemfundo ephakamileyo, uphando lwaseburhulumenteni nolwabucala. Uphando lwenzululwazi ngomlibo wezilwanyana, izityalo nabantu lolona luphambili onokulufumana kwiimpepha zophando ezikulo vimba. |
INSTRUCTIONS: |
Ukuze ube nokufikelela ze ufunde aba iinkcukacha ezikwaba vimba-mpepha kufuneka uye kwiZiko Lolondolozo Loovimba-mpepha laseKapa, kwa-72 kwiSitalato iRoeland, eKapa. Ezi mpepha ke zinokufundwa kuphela kwaba vimba-mpepha ngamaxesha omsebenzi, angala: ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu, nge-08:00 - 16:00 nangoMgqibelo, ukusukela nge-08:00 - 12:00. Ekugalelekeni kwakho kwabo vimba-mpepha, kuya kufuneka ugcwalise ikhadi lokungeniswa. Cela igosa legumbi lokufundela ukuba ukuba likuncede ufumane uvimba onezi nkcukacha uzidingayo. Okanye ke, izixhobo zalo vimba-mpepha zingafumaneka ngokuthi kusetyenziswe indlela yokuzikhangelela ngokwakho okanye ke uzikhangelele kwi-internet kwi- (NAAIRS). Xa sele umfumene lo vimba umfunayo, gcwalisa iphetshana lokumbolekwa elineenkcukacha zakhe ze ulinikezele kwelo gosa. Igosa elo ke liya kumzisa kuwe loo vimba kwelo gumbi lokufundela. Ukuze ubhale phantsi amanqaku abalulekileyo ngophando olwenzayo, kuya kufuneka ube nephepha nosiba - iipen azivumelekanga xa usebenza ngeempepha ezineenkcukacha ezikoovimba. Ungeza nayo ke kodwa yona ikhompyuthas yakho encinci kuba sinazo iindawo zokugxumeka iiplagi. Iinkcukacha ezithile ofuna ukwenza iikopi zazo ungazifumana ngokuthi ukhuphe kuwe engxoweni loo malana. Xa ufuna ezi kopi ke gcwalisa iphetshana elifanelekileyo ze ulinikezele kwigosa leli ziko. Igosa eli ke liya kukuchazela ukuba ukuba ezi kopi ziya kufumaneka nini na. Kwangokufanayo, izicelo zokwenza iikpopi zemifanekiso ziya kudla kwakuwe engxoweni. Kwakhona ke, xa ufuna iikopi zemifanekiso, gcwalisa iphetshana elifanelekileyo ze elinikezele kwigosa leli ziko. Uya kuchazelwa yakuvela ke le kopi. Kuya kuthi ke kufuneke uye naloo kopi isafuna ukuhlanjwa kwindawo ehlambisa imifanekiso bhanya-bhanya. Nazi iinkcukacha zoqhagamshelwano zeli Ziko Lolondolozo Loovimba-mpepha:iNtloko |
|
GOVERNMENT BODY:
|
Department of Arts and Culture (The Government of South Africa) |