Uncedo-mali Kumsebenzi Wokuphuhlisa, Utyelelo lwezeNkcubeko Nobutyebi Bezwe
DESCRIPTION: |
Uncedo-mali luyafumaneka ngemisebenzi yobuchule nenkcubeko eyenziwa yimibutho yezenkcubeko. Imisebenzi le kufuneka ijongane nophuhliso lwemveliso nezixhobo zotyelelo lwezenkcubeko nolobutyebi.Iintlobo ezimbini zoncedo-mali ziyafumaneka: Uncedo-mali olunikezelwa ngonyaka kwimisebenzi esaqhubekekayo kwakunye nolwemisebenzi yexeshana eyenziwa ngelo xesha. |
INSTRUCTIONS: |
Xa nifaka isicelo soncedo-mali, kufuneka nibe kanti nimele umbutho wezenkcubeko yaye umsebenzi wenu kufuneka ube unento yokwenza nobuchule nenkcubeko. Ingqwalasela yenu kufuneka ibekho nakuphuhliso lwezotyelelo. Kuya kufuneka nigcwalise iphetshana lesicelo elifumaneka kuNobhala woMlawuli oyiNtloko okanye kwikhompyutha. Ukuze ukwazi ukufaka isicelo soncedo-mali oluza kanye, gcwalisa iphetshana lesicelo lemisebenzi yexeshana (kwiPhetshana Lesicelo iNZA1). Ukuze ukwazi ukufaka isicelo semali yonyaka, gcwalisa iBusiness Plan/Annual Recurrent Expenditure ('Are') Grants (kwiPhetshana Lesicelo iNZA2). Nceda uqwalasele ze uthobele iintsuku ezibalulekileyo komsebenzi wakho, kuba akukho luncedo-mali luya kuphinda luphunyezwe emva koko. Ukuba niliBhunga lezeNkcubeko elibhalisiweyo ngokwemimiselo yoMthetho weKomishoni yeNtshona Koloni kwakunye namaBhunga ezeNkcubeko, we-14 ka-1998, gcwalisani iphetshana lesicelo iWC3. Izicelo kufuneka zithunyelwe ku-:Nobhala woMlawuli oyiNtloko I-Ofisi yoMlawuli oyiNtloko: Kwimicimbi yezeNkcubeko Private Bag X9067, Cape Town, 8000 Inombolo Yomnxeba: 021 424 0445 Inombolo Yefeksi: 021 424 0462 tweidema@pgwc.gov.za |
PROVIDED BY:
|
GOVERNMENT BODY:
|
Cultural Affairs (Department of Cultural Affairs & Sport, Provincial Government of the Western Cape) |
The content on this page was last updated on 2 April 2004