NGUBANI ONOKUFAKA ISICELO SENKXASO-MALI? - Kuya kuqalwa ngabantu abasuka kwiindawo ebeziyahlelelekile ngaphambili.
- Amaphulo lawo kufuneka abe nento yokwenza nobugcisa, inkcubeko nelifa lemveli.
- Kufuneka kubekho ubungqina obucacileyo babantu abaza kuzuza kumaphulo, acace amathuba okuvela kwezakhono okanye ukuba nakho ukufunda.
- Iimveliso neenkonzo zephulo elo kufuneka zibe kumgangatho ophakamileyo yaye kufuneka zithengiseke ngaphakathi nangaphandle kwemida yeli lizwe.
- imveliso ezo kufuneka zikwazi ukuzimela.
- Amaphulo kufuneka ahambelane neemfuno zemithetho elawula imicimbi ekumila kunje.
- Amaphulo kufuneka Amaphulo la kufuneka asebenze ngendlela eyamkelekileyo.
- Amaphulo kufuneka asekwe kwiingingqi ezithwaxwa kakhulu yintlupheko kwakunye neengingqi ezidinga ingqwalasela ekhawulezileyo kwiphondo.
- Projects should be community driven and owned or directly benefit the community in terms of either jobs, training or partnerships.
- Amaphulo asebenzisa izixhobo ezikrwada kufuneka aqinisekise ukuba ezo zixhobo azizibeki sichengeni izityalo yaye asebenzisa iindlela zokuvuna eziyixhasayo indalo engqongilyo.
- La maphulo kufuneka abe nomnqweno wokuseka ishishini elincinci okanye amashishini ngeenjongo zokudala amathuba engqesho.
- La maphulo kufuneka abe angakwazi ekuhambeni kwexesha ukuxhasa nokuphakamisa ukhenketho.
- Amaphulo kufuneka asekelwe kwinkcubeko yabantu baloo ngingqi.
- Amanina, ulutsha kwakunye nabantu abakhubazekileyo kufuneka baqwalaselwe kuqala.
- Abathunywa, iingcali ezizimeleyo okanye nabaphi na abantu abanikezela ngeenkonzo ezithile abakwazi kuba kwangabo baza kuzuza kwelo phulo.
- Amaphulo kufuneka axhase iinkqubo zikarhulumente ze zihambelane neNkqubo Eyandisiweyo Yemisebenzi Yoluntu, iAccelerated Shared Growth Initiative-South Africa (iASGI-SA), Isicwangciso-qhinga seli Phondo Sokukhula Nophuhliso, Inkqubo Yesicwangciso Esihlanganisiweyo Yophuhliso, Inkqubo Ebonakalayo Yophuhliso Lweengingqi Ezisemaphandleni kwakunye neNkqubo Yokwakhiwa Ngokutsha Kweengingqi Ezisezidolophini.
INDLELA YOKUFAKA ISICELO Izicelo ezigcwalisiweyo kufuneka zithunyelwe apha: kuNksz K Mongane wePhulo Lokutyala Kwinkcubeko Private Bag X897, ePitoli, 0001 Usuku lokugqibela lokwamkelwa kwezicelo ngowe-13 kweyeSilimela apha ku-2006. Aziyi kwamkelwa izicelo ezithunyelwe ngefeksi. Zonke izicelo ziya kuqala zivavanye umgangatho ngokwenkqubo yokuvavanywa. IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO Eli Phulo Lokutyala Kwinkcubeko liqeshe uMbhexeshi wePhondo kwiphondo ngalinye ukuze anikezele naluphi na uhlobo lwenkxaso noncedo. Xa unokufuna olunye ulwazi, nceda uqhagamshelane: noNontuthuzelo Nqabeni onguMbhexeshi kwiPhondo leNtshona Kapa leli Phulo Lokutyala Kwinkcubeko Umnxeba Wesinqe: 082 884 6869 Inombolo YomnxebaWe-ofisi: 012 441 3000. |