DESCRIPTION: |
Abantu abanentsholongwane kaGawulayo banamalungelo afanayo nawabanye abantu bonke. Unamalungelo afana nawomntu wonke okufumana imfundo. Isikolo asinakwala ukukufundisa kuba unentsholongwane kaGawulayo okanye unoGawulayo yaye abantwana abaphila nentshjolongwane kaGawulayo okanye noGawulayo abanakucalulwa ngokuphathwa kakubi kunabanye esikolweni. Unelungelo lokwenza ezakho izigqibo ngonyango. Umzekelo, awunakunyanzelwa ukuba uye kuvavanyo lwentsholongwane kaGawulayo. Unalo nelungelo lokwenza izigqibo zakho ngokukhulelwa. Awunakunyanzelwa ukuba uqhomfe kuba unentsholongwane kaGawulayo. Ilungelo lakho lokuba nemfihlo lithetha ukuba unelungelo lokugcina isaziwa nguwe kuphela inyaniso yokuba unentsholongwane kaGawulayo. Umqeshi okanye ugqirha wakho akanakukunyanzela ukuba umxelele isimo sakho ngoku yaye engenako nokukunyanzela ukuba uye kwenza uvavanyo lwale ntsholongwane. Unokuzikhethela uhlobo lomsebenzi ofuna ukuwenza. Umzekelo, awunakwalelwa ukuba ube yititshala okanye umsebenzi kwezonyango kuba unale ntsholongwane. Awunakwalelwa ncedo-lwamali okanye mboleko-mali yokuba uzithengele indlu kuba unentsholongwane kaGawulayo okanye unoGawulayo. Akukho mthethweni ukukugxotha ekhayeni lakho ngenxa yesimo sempilo yakho. Izibhedlele okanye abantu bezonyango abanakwala ukukunyanga. Unelungelo lenkam-nkam yokukhubazeka ukuba ugula kangangokuba ude ungakwazi nokuzisebenzela okanye usebenzele usapho lwakho. |
INSTRUCTIONS: |
Ukuba unentsholongwane kaGawulayo okanye unoGawulayo, unelungelo lokuphila ubomi bakho ngentlonipho, isidima ze ukhululeke ekuphathweni kakubi nasekugxekweni. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo ngentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo, unokutsalela umnxeba nangaliphi na ixesha kwinombolo engahlawulelwayo ethi 0800-012-322 Ukuba uva amalungelo engahlonitshwa, unokukuxela oku kwiKomishoni Yamalungelo Oluntu yaseMzantsi Afrika. Unokudibana nayo nayiphi na imibutho yabucala exhasa abantu abanentsholongwane kaGawulayo. |
|
GOVERNMENT BODY:
|
SA Heritage Resources Agency |