Cape Gateway
Afrikaans | isiXhosa | About | Contact | Help | Advanced Search  |
 
Ukunikezela Ngengxelo yoLwaphulo-mthetho
DESCRIPTION:
Ukunikezela ngengxelo yolwaphulo-mthetho osele lwenzekile, kufuneka ufowunele okanye uye kwisikhululo samapolisa esikufutshane nawe. Ukunikezela ngengxelo yodlwengulo okanye ukuphathwa gadalala komntwana kukho izinto ezizodwa ezithi ziqwalaselwe nezisetyenziswayo. Kwixesha likaxakeka kufuneka utsalele umnxeba kule nombolo yexesha likaxakeka yamapolisa engu: 10111 okanye 112.Xa sele uynikezele ngengxelo yolwaphulo-mthetho, kufuneka ufumane inombolo yetyala kwaye kufuneka unikwe igama lomcuphi oza kuphanda ityala lakho. Ukuba ukhathazekile ngokwasemphefumlweni ungafumana uncedo koko kwaye ukuba ufuna ukhuseleko lwamangqina noku kuyafumaneka. Ukuba ucinga ukuba umpu kufuneka uthathiwe kumntu onobungozi, kufuneka ucele ukuba kwenziwe oko. Ukuba ufuna umyalelo wokhuseleko kubundlobongela basekhaya, kufuneka ucele oko. Ukuba ufuna umyalelo wokhuseleko kubundlobongela basekhaya ungayiqalisa le nkqubo kwisikhululo samapolisa.
PROVIDED AT:
These facility categories:
PROVIDED BY:
GOVERNMENT BODY:
South African Police Service
The content on this page was last updated on 24 February 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo Cape Gateway is a government service aimed primarily at citizens of the Western Cape, providing information on local, provincial and national government Western Cape: A Home For All logo