Ukufumanela Amaphulo Okhuseleko Loluntu Inkxaso-mali
DESCRIPTION: |
iSebe Lephondo Lokhuseleko Loluntu linikezela ngenkxaso-mali kumaphulo alwa nolwaphulo-mthetho aqhutywa yimibutho engekho phantsi kolawulo lukarhulumente ebhalisiweyo kwakunye namabutho Asekuhlaleni Alwa Nolwaphulo-mthetho. Ukuze inkxaso-mali le ibe nokufikeleleka, amaphulo kufuneka abe ajoliswe:
|
INSTRUCTIONS: |
Ukuze ube nokufikelela kule nkxaso-mali, iphulo lakho kufuneka liqhutywe ngumbutho ongekho phantsi kolawulo lukarhulumente okanye iButho Lasekuhlaleni Elilwa Nolwaphulo-mthetho. Ukuba umbutho wakho awubhaliswanga, kufuneka uqale uwubhalise. Emva koko ke kuya kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo, phetshana elo lifumaneka kwiSebe Lokhuseleko Loluntu okanye kwizikhululo zamapolisa okanye ke kwakhona kule website, ze ulingenise kweli Sebe. Eli Sebe lenza uphando lokufumanisa ukuba ngaba la maphulo aya kusebenza ngokwenyani na ze iqulunqe izibhambathiso ezidingekayo ukuba isicelo esithile siye saphumelela. Xa iphulo elo sele liqoshelisiwe, liye liphicothwe ukufumanisa ukuba yintoni na esebenzayo. Qhagamshelana:Theresha Hanekom weSebe Lokhuseleko Loluntu Inombolo Yomxeba: 021 483 5717 Inombolo Yefeksi: 021 483 3485 I-email: thanekom@pgwc.gov.za |
PROVIDED AT: |
These facility categories: |
PROVIDED BY:
|
GOVERNMENT BODY:
|
Department of Community Safety (Provincial Government of the Western Cape) |
The content on this page was last updated on 11 October 2005