DESCRIPTION: |
UMTHETHO OMTSHA WEMIPU OZA KUQALA UKUSEBENZA NGOMHLA WOKUQALA KWEYEKHALA KU-2004 Ngomhla wokuqala kweyeKhala ku-2004, imithetho emitsha yolawulo lwemipu iza kuqala ukusebenza. Umthetho olawula ukunikezelwa kwamaphepha-mvume okuba nemipu yiFirearms Control Act. Lo mthetho unyanzelisa ukuba abantu abafaka izicelo zamaphepha-mvume okuba nemipu baqale baye kuvavanyelwa ukufumanisa ukuba bakwimo ekulungeleyo na ukusetyenziswa kwemipu. Kukho ixesha eliphakathi konyaka u-2004 neyoMnga ku-2006 apho abantu abasele benawo amaphepha-mvume okuba nemipu beya kuba nakho ukuhlaziya amaphepha-mvume abo. Ngokwemigaqo yalo mthetho ungentla apha, abafaki-zicelo kufuneka baye kuvavanyelwa ukufumanisa ukuba bakwimo ekulungeleyo na ukusetyenziswa kwemipu phambi kokuba babe nokufaka izicelo zaloo maphepha-mvume. Isebe Leenkonzo Zamapolisa oMzantsi Afrika liya kunikezela ngeziqinisekiso zokuphunyelelwa kovavanyo lokungelelana kwemeko yomfaki-sicelo nokusetyenziswa kompu kubafaki-zicelo abaphumeleleyo, abaya kuthi ke emva koko bavumeleke ekubeni nemipu. |
||||||||||
INSTRUCTIONS: |
SIFAKWA NJANI ISICELO SEPHEPHA-MVUME LOKUBA NOMPU? Ukuze ube nokufumana iphepha-mvume lokuba nompu, kufuneka:
Esi siqinisekiso sokulungelelana kwemo yomfaki-sicelo nokusetyenziswa kompu licandelo elitsha ekunikezelweni kwamaphepha-mvume okuba nemipu eMzantsi Afrika. Ukuze abe nokufumana esi siqinisekiso, umfaki-sicelo kufuneka:
Esi siqinisekiso sisebenza iminyaka emihlanu yaye kufuneka sibe kanti sisasebenza ngexesha ufaka isicelo sokuba nompu. Amapolisa okanye inkundla ingafikelela kwisigqibo sokuba awukulungelanga ukuba uphathe umpu. Esi sigqibo naso sikuthintela iminyaka de ibe mihlanu ukuba ube nompu. Ukuze ube nokufaka isicelo sesiqinisekiso sokulungelana kwakho nokusetyenziswa kompu, kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo (iSAPS 517) ze ulifake kwiGosa Elijongene Nezicelo Zamaphepha-mvume Emipu kwisikhulullo samapolisa esikufutshane nawe. Isebe Leenkonzo Zamapolisa oMzantsi Afrika sele lilungise imiyalelo eneenkcukacha ezigcweleyo ngokugcwaliswa kweli phetshana lesicelo sesiqinisekiso sokulungelana kwemo yomfaki-sicelo nokusetyenziswa kompu. Ukuba sele unaso isiqinisekiso esisebenzayo sokumelana kwemo yakho nokusetyenziswa kompu, ungakwazi ukufaka isicelo sokuba nompu. Ukuze ube nokufaka isicelo sephepha-mvume lokuba nompu kufuneka:
Zizikhululo zamapolisa ezincinci okanye ezikumagqagala amaphandle kuphela ezingenawo amagosa ajongene nezicelo zamaphepha-mvume emipu. Nokuba isikhululo samapolisa esithile asinalo eli gosa, kuya kubakho umntu onokukunceda apho kuso. Eli gosa liya kukunceda ngokugcwalisa eli phetshana lesicelo ze lidlane iindlebe nawe. Amanye ala magosa athanda ukuba abafaki-zicelo benze idinga lokuhlangana nawo kwangexesha. Xa sele usingenisile isicelo, igosa elijongene nezicelo zamaphepha-mvume emipu liya kukunika isiqinisekiso esingqina ukuba uluphumelele olo vavanyo ze liqhubekeke nesicelo sakho. Le nkqubo yokwenziwa kwesicelo sakho iquka utyelelo lokuphicothwa komgangatho wokhuseleko lwetyesi oza kufihla kuyo lo mpu, apho igosa elijongana nezicelo zamaphepha-mvume emipu lityelela ikhaya lakho ze lijongisise ukuba ityesi leyo yakho okanye igumbi lakho lokhuseleko liyamelana na nemimiselo, futhi olu phicotho lungaquka namathuba odliwano-ndlebe ngomnxeba okanye ubuso ngobuso neqabane lakho kunye nomqeshi wakho. Eli gosa lisenakho nokukhangela ukuba akuzange na wabandakanyeka kulwaphulo-mthetho okanye akukho zimpepha zikuchaza njengomntu onobundlobongela ekhaya, nokuba ngaba sele unalo na elinye iphepha-mvume lokuba nompu. Emva kokuba lijonge lakhangela konke ngokokhuseleko lwalo mpu, eli gosa liya kugqithisela iphetshana lesicelo kwanezinye iimpepha ezixhasa esi sicelo kuXwebhu Lukazwelonke Lwemipu ePitoli, mpepha ezo ziya kube zikhatshwa ziziphakamiso zokuba likhutshwe na iphepha-mvume lokuba nompu okanye lingakhutshwa. Uxwebhu Lwemipu lulo oluya kufikelela kwisigqibo sokugqibela ngokuba siphunyezwe na esi sicelo okanye singaphunyezwa. Le nkqubo iyonke iqhele ukuthabatha iinyanga ezimbini, ukuba akukho zingxaki ngesicelo eso. Ukuba isicelo sephepha-mvume lokuba nompu sithe sakhatywa, usenokufaka isibheno. IPHEPHA-MVUME LOKUBA NOMPU LISEBENZA IXESHA ELINGAKANANI? Onke amaphepha-mvume okuba nemipu kufuneka ahlaziywe rhoqo:
MINGAPHI IMIPU UMNTU ANOKUBA NAYO? Umthetho ubeka inani eliqingqiweyo ngemipu umntu anokufumana amaphepha-mvume ngayo, ngokuthi kuxhomekeke kwiimfuno zomfaki-sicelo:
KWENZEKA NTONI XA SELE NDINALO IPHEPHA-MVUME LOKUBA NOMPU? Ukuba unompu owawufumene ngawo iphepha-mvume ngokwemigaqo yomthetho wemipu omdala nongasasebenziyo futhi elo phepha-mvume belisasebenza ngomhla wamashumi amathathu kweyeSilimela kunyaka ka-2004, elo phepha-mvume lisasebenza de liphinde lihlaziywe ngokwemigaqo yomthetho iFirearms Control Act. Kukho uludwe lweenkqubo ezichaza ukuba kufuneka ulihlaziye nini na iphepha-mvume lakho lokuba nompu. Olu ludwe lweenkqubo lwayanyaniswe nosuku lokuzalwa kwakho.
Xa sele ungenise isicelo sephepha-mvume lokuba nompu phambi komhla wamashumi amathathu kweyeSilimela ku-2004, esi sicelo siseza kuqwalaselwa futhi. LUYINTONI UXANDUVA LWAM UKUBA NDINOMPU OKANYE NDIFUNA UKUBA NOMPU? Kufuneka ufumane uqeqesho olusisisekelo kumqeqeshi osemthethweni. Bonke abaqeqeshi abasemthethweni banikwa iziqinisekiso zokukwazi ukusebenzisa imipu liSebe Leenkonzo Zamapolisa oMzantsi Afrika. Umpu unokuwuthenga kuphela kumthengisi obhalisiweyo. Ukuba umpu wakho ulahlekile okanye ubiwe, okanye iimpepha zethu zithe zatshabalala, kufuneka unikezele ingxelo ngalo mba emapoliseni. Unganemijikelo engamakhulu amabini kuphela eembumbulu ngompu ngamnye futhi unganeembumbulu zohlobo lompu wakho kuphela. (Oku akusebenzi kubazingeli abazinikeleyo kwanabo badubula ngenxa yezemidlalo.) ULWAZI OLUTHE VETSHE Ukuba udinga ulwazi oluthe vetshe ungaqhagamshelana neGosa Elijongene Namaphepha-mvume Emipu kwisikhululo samapolisa esikufutshane nawe. Okanye ungatsalela umnxeba iziko lonxibewano lemipu ngexesha lomsebenzi kule nombolo: 012 353 6111 okanye uthumele ie-mail kule dilesi: firearms@saps.org.za. Usenakho kanti nokutyelela iwebsite yeSAPS ngayo yonke imithetho, imiyalelo kwaneempepha ezinento yokwenza namaphepha-mvume okuba nemipu. |
||||||||||
PROVIDED AT: |
These facility categories: |
|
GOVERNMENT BODY:
|
South African Police Service |