Cape Gateway
Afrikaans | isiXhosa | About | Contact | Help | Advanced Search  |
 
AmaBanga ukusuka ku-R ukuya ku-9
DESCRIPTION:
Kunyanzelekile ukuba isikolo siqalwe ekuqaleni konyaka xa umfundi lowo aza kuqala iminyaka esixhenxe de afikelele kwiBanga le-9 okanye kuloo nyaka umfundi aya kube efikelela kwiminyaka eli-15 ngawo (nokuba yiyiphi na eyenzeka kuqala). Eli nqanaba libizwa ngokuba linqanaba leMfundo noQeqesho ngokuBanzi kwaye livela ngokwezigaba ezithathu:
  • Isigaba esisiSiseko (IBanga R ukuya kwele- 3)
  • Isigaba esiPhakathi (AmaBanga 4 ukuya kwele-6)
  • Isigaba esiPhezulu (AmaBanga 7 ukuya kwele- 9).
ISIGABA ESISISISEKO

Esi sigaba sigxininisa ekufundiseni ukufunda nokubhala, ukubala ngamanani nezakhono zobomi. Abafundi abakwibanga le- 3 baqalisa ukufunda ulwimi olongezelelweyo.

Isigaba esiphakathi

Esi sigaba sigxininisa kwiinkqubo ezintlanu zokufunda:

  • ulwimi, ekuqeqesheleni ukukwazi ukufunda nokubhala, nonxibelelwano
  • ukuqonda nokwazi izibalo, izibalo kwanenzululwazi yezibalo
  • ubuchule bezandla nenkcubekeo
  • ufundo-nzulo ngezobomi noluntu, ezentlalo, nezifundo ngezendalo engqongileyo nezoLawulo
  • izifundo zenzululwazi nobugcisa.

ISIGABA ESIPHEZULU

Ngesi sigaba abafundi kufuneka bazibeth' entloko izifundo ezizezi:

  • ulwimi, ukuqeqeshelwa ukukwazi ukufunda nokubhala, nonxibelelwano
  • ukuqonda nokwazi izibalo, izibalo kwanobugcisa bezibalo
  • izifundo zobuchule bezandla nenkcubeko
  • ufundo-nzulu ngezobomi
  • izifundo ngezoluntu nezentlalo
  • izifundo ngezoQoqosho nezoLawulo
  • izifundo zenzululwazi
  • ubugcisa.

Abafundi abaliphumelele kakuhle iBanga le-9 bafumana isiqinisekiso soko ekuthiwa yi-GET, esiseseNqanaba lokuqala le-NQF.
INSTRUCTIONS:
Ungaphanda ukuba ziziphi na izikolo zikarhulumente ezikwindawo ohlala kuyo ngokusebenzisa idilesi yekhompyutha kwicandelo lokufuna leSebe lezeMfundo eNtshona Koloni eliyi, 'Fumana iSikolo'.
Ingaba ibiza malini?

Imali ehlawulwa isikolo imiselwe yibhodi elawula isikolo, oko kusenziwa ngentsebenziswano nabazali. Abazali kufuneka behlawule imali yokufunda, oko kusenziwa ngokufaka isicelo sokuvunyelwa bangayihlawuli, okanye bangayihlawuli yonke xa bengenakho ukuyihlawula iphelele.

Iinkcukacha malunga neentlawulo zesikolo kwanokuvunyelwa ukuba ungazihlawuli ziyafumaneka ezikolweni. Ungafumana nezinye uzifunde kwikhompyutha.
PROVIDED BY:
GOVERNMENT BODY:
Western Cape Education Department (Provincial Government of the Western Cape)
The content on this page was last updated on 4 February 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo Cape Gateway is a government service aimed primarily at citizens of the Western Cape, providing information on local, provincial and national government Western Cape: A Home For All logo