Cape Gateway
Afrikaans | isiXhosa | About | Contact | Help | Advanced Search  |
 
Imfundo Yomculo
DESCRIPTION:
Abafundi bangalufumana uqeqesho olulungiselelwe bona emculweni kumaziko omculo aphantsi kweSebe Lemfundo laseNtshona Koloni:

IZIKO LOMCULO IBEAU SOLEIL

Eli ziko linabafundi Abamalunga namakhulu amahlanu yaye ligxininisa kwizifundo zefidyoli, ifidyoli enkulu, isikhaliso esikhudlwana kunefidyoli, ibhasi ephinwe kabini, imbande, iobho, ixilongo elenziwe ngomthi, ibhasuni, ixilongo lomculo, uphondo lwamaFrentshi, ixilongo, uhlobo oluthile lwexilono, ixilongo elikhulu lebhasi, ixilongo esandi kunye nezixhobo zokubetha isithonga.

Esi sikolo sinothotho lwee-okhestra zeengcingo, amaqela omoya kwakunye ne-okhetsra yesimfoni. IMusic for Africa Development Trust yasekwa sesi sikolo ukuqhuba iinkqubo zokufikelela kubafundi abasukakwiingingqi ezihlelelekileyo.

Abafundi, ukuze bamkelwe kwesi sikolo, kufuneka baye kuvavanywa, futhi kuchongwa abo bavakala becula ngesakhono kwanabo babonisa ithemba lokukhula emculweni.

Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, qhagamshelana:

neZiko Lomculo iBeau Soleil
Kwa-12 Kumgaqo iSalisbury, eKenilworth, 7700
Inombolo Yomnxeba: 021 761 1894 & 021 761 9005
Inombolo Yefeksi: 021 762 8310
roots@bs.wcape.school.za

IZIKO LOMCULO IHUGO LAMBRECHTS

Malunga namakhulu amane anamashumi amathathu abafundi bangena kwesi sikolo ukususela kwiingingqi eziquka iCaledon, iHermanus, nePiketberg. Benza izifundo kwizixhobo ze-okhestra ezifana neengcingo, umoya ophuma eplangeni, ibhrasi nezixhobo zengxolo yesandi. Esi sikolo sinee-okhestra zomoya ezintlanu, ii-okhjestra zomoya ezintlanu kwakunye ne-okhestra yesimfoni. Ngaphezu koko, lilo lodwa iziko elinikezela nangezifundo zogwali.

Xa befuna ukufaka izicelo zokwamkelwa kwesi sikolo, abafundi kukwafuneka bevavanyiwe.

Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, qhagamshelana:

neZiko Lomculo iHugo Lambrechts
Kwisitalato iPicton, eParow, 7500
Inombolo Yomnxeba: 021 939 9105
Inombolo Yefeksi: 021 939 9123
hugolmc@mweb.co.za

IZIKO LOMCULO IFRANK PIETERSEN MUSIC CENTRE

Eli iziko linikezela ngezifundo kwizixhobo zomculo kwakunye nenkqubo yeqela lomculo lenkosikazi, eliquka ukudlala kwiqela lemarimba, enikezelwa bucala. Ukucula wedwa kwakunye nomsebenzi weekwayala zikwanikezelwa kwesi sikolo njengezifundo kwikwayala yolutsha nakwikwayala yabadala.

Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, qhagamshelana:

neZiko Lomculo iFrank Pietersen
Kwisitalato iSanddrift, eNoorder Paarl, 7646
Inombolo Yomnxeba: 021 872 2123/4
Inombolo Yefeksi: 021 872 7651
principal@fpmusiccentre.org.za
INSTRUCTIONS:
Usenokuqhagamshelana noMlawuli Wophuhliso Lwezifundo ukuze abe nokukunika ezinye iinkcukacha:uJenny Rault-Smith
Kule nombolo Yomnxeba: 021 467 2622
Inombolo Yefeksi: 021 467 2880
jrault-smith@pgwc.gov.za
PROVIDED BY:
GOVERNMENT BODY:
Curriculum Development (Western Cape Education Department, Provincial Government of the Western Cape)
The content on this page was last updated on 14 January 2005
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo Cape Gateway is a government service aimed primarily at citizens of the Western Cape, providing information on local, provincial and national government Western Cape: A Home For All logo