DESCRIPTION: |
Le nkonzo ivuleleke kuwo onke amanina namadod angaphezu kweshum elinesine ubudala abakhe badlwengulwa okanye baxhatshazwa ngokwesondo. Umntu othe wasinda kwezi ntshukumo uthi anikwe unonophelo lwezonyango, olwengqondo nolunento yokwenza neenkundla kwiiklinkhi zeengcali zeli phondo. Ekliniki, ixhoba eli liya kuthi lihlatywe imibuzo ze linikwe neengcebiso ngumsebenzi wezempilo kwigumbi/kwingingqi efihlakeleyo. Umsebenzi wezempilo lo uya kuthi abuze ukuba isenzo eso sokudlwengula sesixeliwe na emapoliseni. Isenzo esi siya kuxelwa empaoliseni kuphela xa ixhoba lifuna ukunikezela ingxelo ngaso, ze ipolisa libizelwe kwelo ziko lezempilo ukuza kumamela ze lithabathe ingxelo leyo. Imiyalelo Yesizwe Yamapolisa Ngezenzo Zokuxhatshazwa Ngokwesondo linyanzelisa ukuba ixhoba lenziwe uvavanyo/unonophelo lwezempilo ngoko nangoko.
UBUNGQINA BEZONYANGO Imizekelo yezinto ezithile ethi ifuneke enkundleni iye ithatyathwe kuphela ngokwemvume yexhoba, ze igcinwe njengobungqina bukagqirha ukulungiselela ixesha obunokuthi bufuneke ngalo enkundleni yamatyala. UNYANGO LWEZIFO EZINGUMVUKA WOKWABELANA NGESONDO Amaxhoba okudlwengulwa nokuphathwa gadalala ngokwesondo aya kuthi afumane unyango lwezifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo. IZITHINTELI-KUKHULELWA ZEXESHA LIKAXAKEKA Amanina angazifumana izithinteli-kukhulelwa zexesha likaxakeka ukuba afika ekliniki kwisithuba seeyure azingamashumi asixhenxe anesibini emva kokudlwengulwa. iAZT Onke amaxhoba aya kuthi afumane iingcebiso kumsebenzi weziko lezempilo malunga nobungozi bokosuleleka yintsholongwane kaGawulayo obunokuthi bubekhona emva kokudlwengulwa. Ukuba amaxhoba afika kwisithuba seeyure ezingamashumi asixhenxe anesibini emva kokudlwengulwa, aya kuthi anikwe i-AZT, nelichiza elilwa noGawulayo (iZidovudine ngesiNgesi). Amaxhoba afika emva kweeyure ezingamashumi asixhenxe anesibini emva kokudlwengulwa kufuneka efumene iingcebiso malunga nobungozi obunokuthi bubekhona bokufumana intsholongwane kaGawulayo, ze enzelwe idinga lovavanyo lwasemva kweeveki ezintandathu neengcebiso athi azifumane kwisithuba seenyanga ezintathu emva kokudlwengulwa. IINGCEBISO NONCEDO KUMAXHOBA OKUDLWENGULWA Amaxhoba okudlwengulwa aya kuthi akhethe phakathi kokuya kufumana iingcebiso kunontlalo-ntle okanye umcebisi oqeqeshiweyo okanye ingcali yokunyanga yabucala (umzekelo: ugqirha wengqondo), okanye uMbutho ojongene namaxhoba okudlwengulwa okanye uMbutho ongomnye ongenguwo okaRhulumente. |
INSTRUCTIONS: |
UNGAYIFUMANA NJANI LE NKONZO Yiya kwiziko lonyango elikufutshane nawe, uchaze ukuba udlwengulwe okanye ubethiwe, okanye uzenziwe zombini ezo zinto. Kumaziko angamahlanu anesibini aneenkonzo zokuzinikela ngokukodwa ekuncedeni abasetyhini namadoda axhatshazwe ngokwesondo okanye adlwengulwa, okanye enziwa zombini ezi zinto. Ezi kliniki zizodwa nezisebenza ikakhulu iiyure ezingamashumi amabini anesine ngosuku, zidwelisiwe kuluhlu lwezikhokhelo zenkqubo nolawulo lweSebe lezeMpilo lePhondo, ezilungiselelwe amaxhoba odlwengulo nokuxhatshazwa ngokwesondo. Kukho imibutho yabucala eyahlukeneyo nayo esebenza kweli candelo lokuphathwa gadalala ngokwesondo: |
PROVIDED AT: |
These facility categories: |
|
GOVERNMENT BODY:
|
Department of Health (Provincial Government of the Western Cape) |
PRICE: |
Mahala. |