Cape Gateway
Afrikaans | isiXhosa | About | Contact | Help | Advanced Search  |
 
HELP
Eli candelo libonelela ngoncedo ngokusetyenziswa kwe-website yeCape Gateway. Ukuba uthi udinge olunye uncedo emva kokufunda oku, thumela iemail kwi: questions@capegateway.gov.za, okanye utsalele umnxeba kule nombolo 0860 142 142.

ULWIMI

I-Cape Gateway ifumaneka ngesiNgesi, isiBhulu nesiXhosa (ekuziilwimi ezisesikweni eNtshona Koloni). Ungatshintshela kolunye ulwimi ngokucofa kolo lwimi ulukhethayo phezulu kulo naliphi na iphepha.

Illustration of where to click to view Cape  Gateway in the language of your choice

Ukuphendla-phendla le website kuya kuba ngolwimi olukhethileyo, kodwa ke njengoko ingekaguqulelwa yonke le ngxam kuzo zontathu iilwimi, uya kungena kwicandelo lesiXhosa lale website ze ube usafumana ingxam ngesiNgesi nangesiBhulu.

Xa iqhekezana le ngxam lifumaneka ngolunye ulwimi, oku kuyachazwa ekupheleni kwaloo ngxam.

Illustration of where to click to view the piece  of content in a different available language

Ukuba unqwenela ukuphendla-phendla iqhekeza le ngxam ngolunye ulwimi efumanekayo kulo, cofa kwikhonkco. I-website (ukuyiphendla-phendla, okanye okunye) iya kuhlala kolo ubulukhethe kuqala. (Ukuba injongo yakho kukutshintshela kolunye ulwimi lwale website ngokugqibeleyo, sebenzisa amakhonkco eelwimi phezulu ekhohlo kwiphepha elo, njengoko kuchaziwe phezulu apha.)

UKUPHENDLA-PHENDLA AMAXWEBHU E-PDF

Enye ingxam kule website ikuhlobo loxwebhu lwe-PDF kwi-Adobe Acrobat.

Example of Adobe Acrobat PDF file format on Cape  Gateway

Ukuze ube nakho ukuphendla-phendlana nala maxwebhu uya kudinga iAdobe Acrobat Reader engahlawulelwayo. Oku ke kuyafumaneka kwi-website yakwa-Adobe. Xa sele usithathile wasifaka esi sixhobo sokufunda, uya kukwazi ukuphendla-phendla la maxwebhu.

UKUPHENDLA-PHENDLANA NAMAXWEBHU E-MICROSOFT WORD

Enye ingxam kule website ikuhlobo lweMicrosoft Word.

Example of Microsoft Word file format on Cape  Gateway

Ukuba akuyisebenzisi iMicrosoft Word, ungatsala isixhobo sokuphendla la maxwebhu.
The content on this page was last updated on 6 March 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo Cape Gateway is a government service aimed primarily at citizens of the Western Cape, providing information on local, provincial and national government Western Cape: A Home For All logo