Cape Gateway
Afrikaans | isiXhosa | About | Contact | Help | Advanced Search  |
 
PRIVACY POLICY

I-Cape Gateway iyazihlonipha iimfihlelo zakho.

Ezinye nje iinkcukacha ezifihlwayo ngawe ziye ziqokelelwe yiCape Gateway. Ezi nkcukacha zinokuquka: indlela yokukhangela iwebsite oyisebenzisayo, amaxesha ongena ngawo kule website, iidilesi zee-website ezikuthumele kule yethu, kwanamaphepha owaphendlileyo. Oku kusetyenziswa yiCape Gateway uphucula le nkonzo yethu, kwanokuqokelela izibalo kwanezinye iinkcukacha ngokusetyenziswa kwe-website yeCape Gateway.

I-Cape Gateway ikwasebenzisa i 'cookie' ukugcina ulwimi othanda ukuyiphendla ngalo le website. Ii-cookie luxwebhu olubhaliweyo olubekwe kwidiski yakho yi-server yephepha le-web. Ii-cookies azinakusetyenziselwa ukuqhuba iinkqubo okanye ukuzisa iintsholongwane yekhompyutha kwikhompyutha yakho. Ii-cookies zithunyelwe ngokukodwa kuwe, futhi zinokufundwa kuphela yi-web server ekwindawo ekunike loo cookie.

Unokuzamkela okanye uzale ii-cookies. Izixhobo ezininzi zokuphendla iweb ziyamkela ngokuzenzekela icookie, kodwa ke ngokwesiqhelo usenakho ukuzitshintsha-tshintsha izixhobo zakho zokuphendla iweb ukuba zizale iicookies ngokuthanda kwakho. Ukuba ukhetha ukuzala iicookies, ulwimi olukhethayo aluyi kukhethwa ngokuzenzekelayo xa uphinda ubuyela kwiCape Gateway. Azikho ezinye iicookies ngaphandle kwezeeliwimi ezisetyenziswa yiCape Gateway.

Azikho ezinye iinkcukacha eziqokelelwayo yiCape Gateway ngaphandle kokudibana nawe kuqala. Asisokuze sigqithise naziphi na iinkcukacha zomsebenzisi we-website yethu esinokuba sazifumana, ngokuzikhangelela okanye usazi, ngaphandle kokuba sinemvume ebesiyinikwe nguwe. Sinikezela kuphela ngeenkcukacha ezingenagama lamntu ngabasebenzisi bale website kwanokuba isetyenziswa kangakanani. Asinaxanduva nangakuphi na ukwaphulwa kwezivumelwano zokhuseleko okanye ngeentshukumo zeenkampani okanye zabantu abathi basebenzise le website.
The content on this page was last updated on 24 March 2004
Terms of Use | Privacy Policy | Copyright
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo Cape Gateway is a government service aimed primarily at citizens of the Western Cape, providing information on local, provincial and national government Western Cape: A Home For All logo