iNkulumbuso nabaphathiswa aba baya kuzibandakanya kumaqela aya kuya kuluntu ekuhlaleni kwanasezikolweni [kwiSitalato iAssegaaibos, kwizitalato iBlaauberg neBakenskop] ukuya kushukuxa indlela entsha yokulwa nalo mkhwa, amajelo eendaba nawo avumelekile ukuba akhaphe futhi emva koku kuya kubanjwa iinkomfa yoonondaba ngeshumi lemizuzu phambi kwentsimbi yokuqala kwalapho esikolweni.
Oku ke kuya kulandelwa kukuvulwa ngokusesikweni komsebenzi obumba izikolo ekulweni lo mkhuba, msebenzi lowo uya kuba nesihloko esithi 'Race against Tik', namhlanje eJoseph Stone Auditorium eAthlone ngentsimbi yesibini emva kwemini. uMphathiswa uDugmore neNkulumbuso uRasool baya kuwuzimasa lo msebenzi futhi baya kube bezizithethi.
I-email: cwakeford@pgwc.gov.za
A Home for All ~ 'n Tuiste vir Almal ~ iKhaya Lethu Sonke