Usuku lweAfrika Llokunikezela Ngeenkonzo Eluntwini, olungomhla wamashumi amabini anesithathu kwinyanga yeSilimelaNgenxa yokuba sikwinkqubo yohlengahlengiso kurhulumente wephondo, nangenxa yezinto ezininzi esizibophelele kuzo kule nyanga - kuqukwa nesikhumbuzo seminyaka engama-50 wasekwayo uSomqulu weNkululeko - akuyi kubakho mbhiyozo uya kude wenziwe wolu Suku lweNkonzo yoLuntu lweAfrika kulo nyaka. Nakuba kunjalo ke, siza kuba sinikezela ngeeMbasa zeNkulumbuso ngeNkonzo eBalaseleyo eyenziweyo ngenxa yeenzame zeqela, eliya kwaziswa ngoNovemba kulo nyaka. Oku kongezelela kunikezelo zimbasa ebantwini abanikwa ingqalelo nabo.
Ngo-2001, aBaphathiswa beeNkonzo zoLuntu badibana kwiNkomfa yesithathu yeBiennial Pan African. Baye bamkela uSomqulu weeNkonzo zoLuntu weAfrika, onjongo yawo yayikukumisela imigangatho eya kubuyisela isidima nentlonelo kwinkonzo yoluntu kuze kuphakanyiswe amanqanaba ndawonye nobuchule koorhulumente.
Imithetho-siseko ehamba kunye noSomqulu iyahambelana neBatho Pele ndawonye nezinye iinjongo kwanezinto eziphambili zenguqulelo zorhulumente. Umxholo walo nyaka nje kukukhunjulwa kwesikhumbuso sonyaka wesixhenxe iWindhoek Declaration - ukuphunyezwa koSomqulu weNkonzo yoLuntu eAfrika". Umgcini weNkonzo yoLuntu yoMzantsi Afrika, DPSA, ulubona olu suku lwanamhlanje njengolubaluleke kakhulu kwimicimbi ekwikhalenda.
Injongo yoSuku loLuntu eAfrika:
- Kukuhlanganisa abasebenzi kunye ukuze kukhunjulwe ixabiso nangenxa yophuculo lwenkonzo eyenzelwa uluntu abalusebenzelayo.
- kukuqwalasela imiqathango yokusebenza yamadoda namakhosikazi azinikele ubomi bawo bonke ekusebenzeleni uluntu.
- kukukhuthaza iimfuno ezizizo ngabemi emsebenzini wecandelo lolawulo
- ukuvuzwa kwabo beze namaphulo anolutho,
- nokukhuthaza indlela yokuziphatha efanelekileyo.
Usomqulu uchaza isikhokelo ekuhanjwa ngaso kwinkonzo yoluntu eAfrika ekuthatheni amanyathelo asemthethweni, anemiqathango nanobuchule nasebenzayo njengoko kuya kufuneka xa kusenziwa imimiselo efanelekileyo yokusebenza kwenkonzo yoluntu ngendlela eyiyo nokuphucula umgangatho weenkonzo zakhe.
Ichaza kwaye icacisa imithetho-siseko nemigaqo yokuziphatha kwabasebenzi beenkonzo zoluntu, abaya kusebenziwa
Le mithetho -siseko nemigaqo yokuziphatha kukuPhathwa ngeNdlela eLinganayo kwabemi, ukuba phakathi kwenkonzo ezinikwa uluntu, oko kusenziwa ngokweenjongo zorhulumente ophetheyo, ukuba semthethweni kwezigqibo ezilawulayo zokuthotyelwa kwemithetho nemiqathango, Ukuqhubeka ngokwenkonzo esoloko inikwa abaxhamli, Ukusondela nokufikelela kwiinkonzo; ukuthatha inxaxheba, ukucebisa nokulamla/ukungenelela, ukusulungeka, ukuba luncedo nokufaneleka, ukuvandlakanywa kweenkonzo, ukusebenza ngokungafihlisiyo kunye neeNkcukacha , iSantya nokusabela, ukuthembeka nokuyigcina ekhusini iinkcukacha echaphazela abemi .
Ubudlelwane phakathi kwecandelo andelo lolawulo leenkonzo zoluntu nabasebenzi balo liya kusekwa phezu kwexabiso nokuhlonela amalungelo oluntu. Inkonzo yoluntu nganye kufuneka ibone uphuhliso lwabasebenzi abazimiseleyo ngeli xesha kuqinisekiswa uphuhliso lwabasebenzi kunye nokuzinezisa. Oku kufuneka lubonakaliswe ekuqeshweni kwabasebenzi nokunyuselwa kwabo, iintshukumo zabasebenzi nokusatyalaliswa kwabasebenzi, ukuqeqeshwa nokuphuhliswa kwabasebenzi, ukukhuthazwa kwabaSebenzi, Umvuzo nokhuseleko emzimbeni, iimeko zokusebenza nokuba sesikhundleni .
Imimiselo yikuziphatha komsebenzi wenkono yoluntu iya kusekwa phezu kwenkonzo yoluntu ebethelela indlela yokuziphatha nemithetho-siseko. Imigaqo yokuziphatha yabasebenzi benkonzo yoluntu iya kuba yinxenye yenkqubo ehlanganisiweyo echasene nolwaphulo-mthetho.
Usomqulu uvakalisa izimvo zokuzimisela kwaMazwe aseAfrika ekwaqaqambisa ukuzinikela kwawo ngokupheleleyo kwezopolitiko ukuphucula iinkonzo ezinikwa abemi ukuqinisekisa ukusetyenziswa ngokufanelekileyo kwezibonelelo ezabelwe iinkonzo ezinjalo.