Cape Gateway
Afrikaans | isiXhosa | About | Contact | Help | Advanced Search  |
 
Amacebo Okonga Umbane
20 November 2003
Department of Minerals and Energy (The Government of South Africa)
SUMMARY
Eli phetshana linika abasebenzisi bombane amacebo okonga umbane namandla.

ICEBO LOKUQALA

Yehlisa ubushushu begiza yakho buye kuma kuma-55 amanqanam ukuze kungadingeki ukuba ugalele amanzi amaninzi abandayo xa uhlambayo ngeshawa okanye uhlamba izitya.

geyser

ICEBO LESIBINI

Khumbula ukugcina imbiza yakho icikiwe xa upheka ukuze wonge ubushushu namandla.

Ubukhulu bembiza kufuneka bulingane nobukhulu benkcenke yesitovu - oku kungakongela ukuya kufikelela kuma-25% ombane owusebenzisela ukupheka.

cooking

 

ICEBO LESITHATHU

Vala iifestile neengcango xa usebenzisa imbawula ze wonge imali!

heaters

 

ICEBO LESINE

Luvale rhoqo ucango lwesikhenkcisi sakho emva kokukhupha into apho yaye uqinisekise ukuba luvaleka gingci.

fridge

 

ICEBO LESIHLANU

Lala uzigcine emanzini iimbotyi, umngqusho kwakunye nezinye izidlo ezikwafana nezo ngokoma. Oku kuya kukongela ixesha, imali kwakunye neeyure ezininzi zokupheka.

food overnight

 

ICEBO LESITHANDATHU

Zama ukubilisa kuphela amanzi owadingayo endaweni uokubilisa imbiza okanye iketile yonke ngalo lonke ixesha.

kettle

 

ICEBO LESIXHENXE

Khusela igiza yakho kwakunye nemibhobho yamanzi ashushu ngokuthi uyigqume ngamaphepha-ndaba, iingubo ezindala okanye ngezinye izinto onokuyigquma ngazo.

insulate

 

ICEBO LESIBHOZO

Zicime izibane, izibandisi-moya, iikhompyutha kwakunye nezinye izinto ezitya umbane xa uhambayo. Oku kuya kongela imali.

lights

 

ICEBO LETHOBA

Zama ukusebenzisa izixhobo ezifanelekileyo zokupheka ngawo onke amaxesha upheka, umzekelo, sebenzisa iimbiza neepani ezinomphantsi osicaba, kuba zona zisebenzisa amandla ehle ngama-50%. Qwalasela ke kodwa ukuba izitovu zombane zitya umbane omninzi ngoko ke sebenzisa iinkcenkce nesifudumezi ukuba unakho..

utensils

 

ICEBO LESHUMI

Sebenzisa umbane ofanelekileyo kwizinto ezifanelekileyo, umzekelo sebenzisa iimbawula xa ushushubeza indlu endaweni yokusebenzisa izitovu, sebenzisa iketile yombane xa ubiliza amanzi endaweni yokubeka imbiza eqhelekileyo esitovini. Ngolu hlobo uya kube usebenzisa umbane owehle ngama-50% koqhele ukuwusebenzisa.

Qwalasela: Umbane uzilungele izinto zombane kodwa ke igesi ikulungele kakhulu ukufudumeza nokupheka.

heaters

 

ICEBO LESHUMI ELINANYE

Yonwabela ukuhlala endlwini yakho ehlotyeni nasebusika ngokuthi ungenise umoya owaneleyo nofanelekileyo ntsuku zonke. Khumbula ke ukuyicima imbawula yakho, isibandisi-moya nesipholisi-moya ngelixa uvule iingcango zendlu yakho.

ventilation

 

ICEBO LESHUMI ELINESIBINI

Nciphisa ityala lakho lombane lenyanga ngokuthi ungayi kwela nqanaba lingaphambi kokuhlamba impahla lomatshini wokuhlamba ukuba impahla yakho ayingcolanga kakhulu. Oku kuya kwehlisa umbane owusebenzisayo ngama-20%.

ICEBO LESHUMI ELINESITHATHU

Yonga amanzi nombane ngokuthi uhlambe iingubo zakho kumananam angama-60 endaweni yangama-90, kuba iya kucoceka nangoku!

laundry

 

ICEBO LESHUMI ELINESINE

Nciphisa ubushushu bembawula ukusuka kubushushu obugqibeleleyo ukuya kwinqanaba elikulungeleyo.

moderate temperature

 

ICEBO LESHUMI ELINESIHLANU

Cima zonke izibane nezinto ezisebenza ngombane ngalo lonke ixesha uhamba endlwini naphambi kokuba uye kulala.

appliances

 

ICEBO LESHUMI ELINESITHANDATHU

Sebenzisa izikhanyisi ezonga umbane. Zona zihlala ixesha elide kakhulu yaye zisebenzisa umbane omncinci futhi oku kukongela ekuhambeni kwexesha.

bulbs

 

ICEBO LESHUMI ELINESIXHENXE

Nciphisa ityala lakho lombane lenyanga ngokuthi walule yonke impahla yakho ngexesha elinye.

ironing

 

ICEBO LESHUMI ELINESIBHOZO

Jonga imitha yakho yombane okanye yegesi rhoqo emva kwexesha elithile ze uzinike umdla ngezinga owusebenzisa ngalo umbane.

check meter

 

ICEBO LESHUMI ELINETHOBA

Yabelana ngolu lwazi lokonga amandla nombane nabamelwane bakho - ncokolani ngamatyala enu ombane enyanga!

share with neighbours

AMACEBO OKONGA AMAFUTHA EZITHUTHI
  • Xa ninakho, sekani amaela okuhambisana ngezithuthi.
  • Tshintshela kumatayala angoomakha-sangqa kuba wona awaxhathisi kakhulu ekujikelezeni yaye wona aphela kade kunalawo angengomakha-sangqa.
  • Kuphephe ukuqhuba ngamatayala angenaxinzelelo lwamoya waneleyo kuba kaloku uxinzelelo lwetayala olusenzantsi kakhulu alupheleli nje ekusebenzeni kakhulu, koko kunciphisa kakhulu ubomi betayala elo.
  • Kuphephe ukuqhuba ngokumana usima uphinde uhambe
  • Senyuse kancinci isantya
  • Musa ukuqhuba ngesantya esiphezulu kakhulu. Ukuqhuba ngesantya esiphezulu kukutyela amafutha amaninzi.

Ezi ngcebiso zivela: kwiSebe Lezimbiwa Namandla

The content on this page was last updated on 13 March 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo Cape Gateway is a government service aimed primarily at citizens of the Western Cape, providing information on local, provincial and national government Western Cape: A Home For All logo