Ukuqhuba Ebusuku
Ukuqhuba ebusuku kunzima kakhulu futhi kunobungozi kunokuqhuba emini ubunzulu bokuqhuba kwakho, ukubona imibala kwanokubona kwiindawo ezisemacaleni kuyalahleka emva kokuphela kwelanga. Abantu abasele bekhulile ingakumbi bakufumana kunzima kakhulu ukuqhuba ebusuku.
Ukukunceda uqinisekise ukuba uqhuba ukhuselekile ebusuku:
- Qinisekisa ukuba zonke izibane zakho ziyasebenza futhi zicocekile (izibane zentloko, izibane zangemva kwakunye nezibane zokuchaza okza kwenza). Jonga kwakhona ukuba iifestile zakho zicocekile na.
- Qinisekisa ukuba izibane zakho zangaphambili zijonge kwindawo eyiyo apha endleleni - izibane zangaphambili ezingajonganga kwindawo eyiyo zingabamfama abanye abaqhubi ze zinciphise namathuba akho okubona umgaqo.
- Musa ukuqhuba uphantsi kweempmbelelo zotywala! Gaphezu kokuba busonakalisa amandla akho, utywala bukwenza ulale.
- Musa ukutshata xa uqhuba - inicotine nomoya omdaka ophuma kweli cuba konakalisa indlela obona ngayo ebusuku.
- Khanyisa izibane zakho zangaphambili ngorhatya - loo nto yenza ukuba kube lula ukubonakala kubanye abantu.
- Nciphisa isantya sakho ze unyuse imisantsa yokulandela kwakho ezinye izithuthi
- Qhuba kangangokuba ungakwazi ukumisa kwingingqi izibane zakho ezikhanyise kuyo.
- Gcina izibane zakho zangaphambili zikhanyiswe kancinci xa kukho ezinye izithuthi phambikwakho okanye zisiza ngakuwe.
- Musa ukuzivumela uphandlwe zizibane zezinye izithuthi - kwimeko enje unokusuka ujonge ecaleni kwendlela, ujonge ngaphambili kwicala lezithuthi eziza ngaphambili.
- Misa rhoqo umana ukwalula imilenze yakho. Ukuba uthi udinwe, misa ze uphumle.
- Ukuba uba nengxaki nesithuthi ebusuku, phuma endleleni kangangoko unakho ze ukhanyise nezibane zakho ezichaza ukuba usesengxakini.
Qwalasela amacebiso okhuseleko ebusuku ngoko nangoko emva kokuza korhatya. Ukuza korhatya lelinye lawona maxesha anzima ekuqhubeni, kuba kaloku amehlo atshintsha rhoqo ukuzama ukumelana nobumnyama obukhulayo.
CONTENTS: Iinyaniso Ngokhuseleko Ezindleleni
The content on this page was last updated on 22 April 2005