|
|
UMASPALA WESITHILI SE-OVERBERG uMaspala Wesithili se-Overberg ubandakanya aba maspala balandelayo:
YINTONI UMASPALA WESITHILI? Oomaspala bezithili balawula ze benzele izithili zabo imithetho, zithili ezo ziquka oomaspala bamakhaya abangaphaya kwesinye. Injongo yoomaspala bezithili kwakunye noomaspala bamakhaya yokwabelana ngamagunya okujonagana norhulumente wekhaya kwiingingqi zabo kukuqinisekisa ukuba lonke uluntu ekuhlaleni, ingakumbi kwingingqi ekugquba kuzo intlupheko, luyafikelela kwizibonelelo neenkonzo. Oku ke kuya kunceda abanye oomaspala bamakhaya abangakwazi kumelana nemiceli-mngeni (yezimali, amaziko, abasebenzi okanye ulwazi) ukuba inikezele ngeenkonzo kuluntu oluhlala kwiingingqi abasebenza kuzo. Kuya kunceda futhi ekunciphiseni iindleko zokusebenza zoomaspala ngokuthi kwabelwane ngezibonelelo. Iingingqi ezimi kakuhle ziya kunceda ezo zisatsala nzima. IMISEBENZI NAMAGUNYA Eminye yemisebenzi yoomaspala bezithili iquka:
|