Cape Gateway
Afrikaans | isiXhosa | About | Contact | Help | Advanced Search  |
 
SWELLENDAM LOCAL MUNICIPALITY: OVERVIEW

Photographs copyright South African Tourism

UMasipala weNgingqi yaseSwellendam obandakanya iBarrydale, iSwellendam, iSuurbraak, iMalagas, iStormsvlei ne- Infanta.

Fumana okunye ngeenkonzo ezingundoqo ezinikezelwa nguMaspala waseSwellendam okanye ufumanise ngamaziko kamaspala afumanekayo.

AMAGUNYA OOMASPALA

OoMasipala beNqila banikwe umyalelo wokuba bajongane:

  • Ukuwisa imithetho yoomaspala (imithetho nemimiselo yezixeko) ngayo nayiphi na imisebenzi abanoxanduva lwayo. Imithetho yoomaspala ayinakungquzulana nayiphi na imithetho kazwe-lonke.
  • Ukuphucula uhlahlo lwabiwo-mali nezicwangciso zophuhliso. Minyaka le uHlahlo Lwabiwo-mali kufuneka luwisiwe, luchaze ukuba imali iza kuvela ze isetyenziswe njani. Umaspala ngamnye kufuneka aphucule esakhe iSicwangciso Sophuhliso Oluhlanganyelweyo (IDP).
  • Ukukhupha iintlawulo zeenkonzo nezinye iirhafu, umzekelo: irhafu yezakhiwo.
  • Ukuhupha iintlawulo zeenkonzo ngokusetyenziswa kweenkonzo zikamaspala ezifana namanzi, umbane namathala eencwadi.
  • Ukukhupha iintlawulo kubantu abaphula imithetho yoomaspala, umzekelo: iintlawulo zezothutho okanye iintlawulo zokungcolisa ngokulahla inkukuma apho kungafanelanga.
  • Ukuboleka imali. Ibhunga lingaboleka imali kuba lifuna ukwenza umsebenzi wophuhliso okanye omnye nje umsebenzi yaye livumelekile ukuba linikezele ngempahla kamaspala njengesiqinisekiso sokuba liya kuyihlawula loo mali.

IMISEBENZI KAMASPALA

UMgaqo-siseko unikezela ngezi ntlobo zoxanduva koomaspala:

  • ukuziswa kwenkonzo yombane
  • amanzi asetyenziswa emizini
  • ilindle nendawo ecocekileyo
  • uziso manzi
  • ukuthuthwa kwelindle
  • iinkonzo zokucima umililo
  • iinkonzo zempilo zomasipala
  • izigqibo malunga nemihlaba
  • iindlela zengingqi
  • izithuthi zorhulumente wengingqi
  • ushishino lwasezitratweni
  • izilarha kwaneemalike ezithengisa ukutya okutsha
  • iipaki neendawo zolonwabo
  • amathala eencwadi namanye amaziko oluntu
  • ukhenketho lwakweli

The content on this page was last updated on 19 August 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo Cape Gateway is a government service aimed primarily at citizens of the Western Cape, providing information on local, provincial and national government Western Cape: A Home For All logo