GEORGE LOCAL MUNICIPALITY: OVERVIEW
|
OVERVIEW
|
UMasipala weNgingqi yaseGeorge obandakanya iGeorge neWilderness.
Fumana okunye ngeenkonzo ezingundoqo ezinikezelwa nguMaspala waseGeorge okanye ufumanise ngamaziko kamaspala afumanekayo.
AMAGUNYA OOMASPALA
OoMasipala beNqila banikwe umyalelo wokuba bajongane:
- Ukuwisa imithetho yoomaspala (imithetho nemimiselo yezixeko) ngayo nayiphi na imisebenzi abanoxanduva lwayo. Imithetho yoomaspala ayinakungquzulana nayiphi na imithetho kazwe-lonke.
- Ukuphucula uhlahlo lwabiwo-mali nezicwangciso zophuhliso. Minyaka le uHlahlo Lwabiwo-mali kufuneka luwisiwe, luchaze ukuba imali iza kuvela ze isetyenziswe njani. Umaspala ngamnye kufuneka aphucule esakhe iSicwangciso Sophuhliso Oluhlanganyelweyo (IDP).
- Ukukhupha iintlawulo zeenkonzo nezinye iirhafu, umzekelo: irhafu yezakhiwo.
- Ukuhupha iintlawulo zeenkonzo ngokusetyenziswa kweenkonzo zikamaspala ezifana namanzi, umbane namathala eencwadi.
- Ukukhupha iintlawulo kubantu abaphula imithetho yoomaspala, umzekelo: iintlawulo zezothutho okanye iintlawulo zokungcolisa ngokulahla inkukuma apho kungafanelanga.
- Ukuboleka imali. Ibhunga lingaboleka imali kuba lifuna ukwenza umsebenzi wophuhliso okanye omnye nje umsebenzi yaye livumelekile ukuba linikezele ngempahla kamaspala njengesiqinisekiso sokuba liya kuyihlawula loo mali.
IMISEBENZI KAMASPALA
UMgaqo-siseko unikezela ngezi ntlobo zoxanduva koomaspala:
- ukuziswa kwenkonzo yombane
- amanzi asetyenziswa emizini
- ilindle nendawo ecocekileyo
- uziso manzi
- ukuthuthwa kwelindle
- iinkonzo zokucima umililo
- iinkonzo zempilo zomasipala
- izigqibo malunga nemihlaba
- iindlela zengingqi
- izithuthi zorhulumente wengingqi
- ushishino lwasezitratweni
- izilarha kwaneemalike ezithengisa ukutya okutsha
- iipaki neendawo zolonwabo
- amathala eencwadi namanye amaziko oluntu
- ukhenketho lwakweli
|
The content on this page was last updated on 19 August 2004
|
|
Cape Gateway is a government service aimed primarily at citizens of the Western Cape, providing information on local, provincial and national government |
 |