|
ISIBHEDLELE SOMNQAMLEZO OBOMVU ESISISIKHMUBUZO SEMFAZWE SONYANGO LWABANTWANA: IGUGU LESIZWE
Ngo-1956 esi sibhedlele savula iingcango zaso njengesona sibhedele sizinikeleyo nesinobona buchwepheshe kunonophelo lwempilo yabantwana. Sisikhumbuzo esiphilayo samajoni athi awa kwiMfazwe Yehlabathi Yesibini.
Onke la maphondo alithoba eli lizwe kwanawo onke amazwe eli lizwekazi liyi-Afrika abathumela kweli ziko abantwana ukuze bafumane iinkonzo ezigqibeleleyo zononophelo lwempilo yabantwana.
Esi sisibhedlele esinyanga abantwana abathunyelwe ngamanye amaziko -oku ke kuthethe ukuba sinyanga kuphela izigulana ezithunyelwe zezinye iiklinkhi nezinye izibhedlele ezincinanana - phambi kokuba ezo zigulana zibe zingathunyelwa kwesi sibhedlele sikwinqanaba eliphezulu. Esi sibhedlele sisebenza ngokuzinikela ekuqinisekiseni ukuba abantwana bayafikelela kunonophelo lwempilo yabo nakwiinkqubo zenkxaso kuwo wonke uMzantsi Afrika.
IZIKO LOKUGQWESA
Eli ke liziko elizibalule ngokugqwesa kumsebenzi wokuqeqesha iingcali zononophelo lwempilo yabantwana kuwo onke amabakala. Esi Sibhedlele Somnqamlezo Obomvu Sesikhumbuzo Semfazwe Esinonophela Impilo Yabantwana sithatyathwa njengeziko eliphambili eMzantsi Afrika kwizifundo zenqanaba labo bayityekezayo kunonophelo lwempilo yabantwana noqeqesho lobuchwepheshe kuqhaqho-fakelo lwamalungu omzimba.
Esi sibhedlele ke sinabasebenzi abaliwaka elinekhulu, ukuqalela kubabahlohli kweli candelo, oogqirha nabongikazi ukuya kwezinye izifundo ezisondeleyo kwizifundo zononophelo lwempilo, oomabhalane kwakunye nabo basebenzi bangayifundelanga imisebenzi yabo. Abafundi bamaziko emfundo aphakamileyo kwizifundo zononophelo lwempilo asondeleyo kweli ziko, abasele benezidanga nabangekabi nazo, kwanabo basuka kumazwe ngamazwe ehlabathi bafumana uqeqesho namava kumagumbi ononophelo lwempilo yezigulana nakwiiklinkhi zesi sibhedlele.
Esi sibhedlele sikwanamatyathanga entsebenziswano neSikolo Sempilo Yabantwana Neyabantu Abasebatsha seDyunivesithi yaseKapa, iSikolo Sononophelo Lwempilo Yamazinyo seDyunivesithi yeNtshona Koloni kwakunye neDyunivesithi yaseStellenbosch.
|