Cape Gateway
Afrikaans | isiXhosa | About | Contact | Help | Advanced Search  |
 
CULTURAL AFFAIRS: OVERVIEW
 
rounded corner
EZIPHAMBILI
rounded corner
   

       
standard image size 200 x 120  
       
 
rounded corner
II-ARHENTE ZENKCUBEKO
rounded corner
   

       
 
rounded corner
AMAZIKO ASEBURHULUMENTENI
rounded corner
   

iCandelo Eliyintloko Kwimicimbi Yenkcubeko linikezela ngeenkonzo kwimiba enento yokwenza nenkcubeko, ilifa lemveli, ubugcisa, amaziko olondolozo lwembali, iilwimi, amathala eencwadi noovimba-mpepha. Eli Candelo likwayanyaniswa kuhle nothotho lwamaqumrhu aseburhulumenteni kwakunye namaziko oluntu ajongene

Iinjongo leCandelo Lemicimbi Yenkcubeko zezi zilandelayo:

  • Ukufundisa nokuxhobisa ngezakhono uluntu ekuhlaleni ukuze lube nokuchonga, lulondoloze ze luphuhlise izibonelelo zelifa lemveli ngendlela elondolozayo.
  • Ukwandisa ukuzibandakanya kwabemi beli (ingakumbi ulutsha, amanina kwakunye nabantu abakhubazekileyo) kwiinkqubo zobugcisa, ezenkcubeko nezelifa lemveli.
  • Ukuqinisekisa ukuba izinto esithe saziqokelela kwanemiboniso yethu ibonakalisa ukutyeba kwenkcubeko yethu kwakunye nembali ezambathisa zonke zonke iintlanga eziphila apha eNtshona Koloni.
  • Ukukhuthaza nokuphuhlisa ukusetyenziswa kweelwimi ezahlukeneyo eNtshona Koloni.
  • Ukunikezela ngenkonzo yamathala eencwadi oluntu ngentsebenziswano namanye amanqanaba karhulumente ngokuthi kunikezelwe impahla yamathala eencwadi efundisayo, enikezela ngolwazi neyonwabisayo kwakunye nokuqinisekisa ukuba uluntu lufikelela simahla kwimpahla yamathala eencwadi abayifunayo.
  • Ukuba nenkonzo yokugcina nokulondoloza iincwadi namaphepha elulutho eluntwini nenesidima.

Eli Candelo Liyintloko lizinikezela ezi nkonzo ngokwala maziko alandelayo:

Uxanduva nemisebenzi yeli Candelo Liyintloko ilawulwa yile mithetho ithiwe thaca kule miyalelo nemigaqo ilandelayo.

The content on this page was last updated on 22 September 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo Cape Gateway is a government service aimed primarily at citizens of the Western Cape, providing information on local, provincial and national government Western Cape: A Home For All logo