|
NGUBANI ONGAFAKA ISICELO SEPHEPHA-MVUME LOKUTHENGISWA UTYWALA? Unakho ukufaka isiqinisekiso sokuthengisa utywala xa unokuba:- Wasitsala isigwebo sakho entolongweni ngaphandle kokuhlawula imali kwiminyaka elishumi edlulileyo. (iBhodi ingenza umnyinyiva kwezinye iimeko).
- Utshonile ematyaleni.
- Usengumntwana.
- Ungumfazi okanye umyeni waba bantu kuthethwa ngabo ngentla apha.
KUFUNEKA USENZE NJANI ISICELO SEPHEPHA-MVUME LOKUTHENGISA UTYWALA? Unakho ukusifaka isicelo sesiqinisekiso sokuthengisa utywala ngokwegqwetha okanye umcebisi wotywala okanye ungafaka isicelo wena ubuqu. Iphepha Lesicelo liyafumaneka kwiThala leencwadi loMzantsi Afrika eKapa, okanye ke mhlawumbi usengayithenga incwadana yemimiselo epapashiweyo mayela noMthetho woTywala, equkaiphetshana lesicelo lokuqala. Eli phetshana lokwenza isicelo liphuma libe ziikopi ezintathu, zihamba kunye nekopi yokuqala yoMphathi Wamapolisa Othunyiweyo kwakunye nekopi yeBhodi yoTywala. Hlanganisa uludwe lwenkcukacha lokuxhasa isicelo sakho, njengesiqinisekiso sokuba unayo indawo osebenza kuyo. Kwakhona fakela uludwe lwenkcukacha lwezakhiwo, njengemifanekiso yombala okanye uluhlu lwenkcazelo, ikopi yoludwe lwezipheko ukuba ukutya kuyanikezelwa) kumye nengcebiso zomgangatho, ezibonisa imeko kunye nemilinganiselo yamacango, iifestile, kunye neetafile kwakunye nokuma kwezitalato neendawo zokuphuma. Isicelo kufuneka sichwethezwe singabhalwa ngesandla. Intlawulo yesicelo emisiweyo kufuneka ihlawuliwe kwi-ofisi yokuhlala yokwamkela iintlawulo zemali kaRhulumente woMzantsi Afrika (iSARS) yaye isiqinisekiso sokuba kuhlawuliwe kufuneka sihlanganiswe kwisicelo eso. KuLwesihlanu wokuqala wenyanga, ifomu egcwalisiweyo kufuneka ithunyelwe kuMantyi kwiSithili apho izakhiwo eziyakuqinisekiswa zikhona. Kwiiveki ezimbini eziphambi kokuba isicelo sithunyelwe kuMantyi, isaziso sokuba uza kwenza oko kufuneka sithunyelwe kuBashicileli bakaRhulumente ePitoli ukuze zipapashwe kwiPhepha-ndaba likaRhulumente kuLwesihlanu wokuqala enyangeni. Isaziso esikwiPhepha-ndaba likaRhulumente siso kuphela isaziso sesicelo esinikezelwe eLuntwini. UMphathi Owonyuliweyo waMapolisa weSithili uyakudlulisa ingxelo kuMantyi kwiintsuku ezingama- 35. UMphathi lo uyakwazisa imbutho yamapolisa oLuntu okuhlala okanye iqumrhu labahlawuli berhafu ngesicelo eso. Uneentsukwana nje ezingama-42 zokuphendula, ngembalelwano, kwingxelo yamapolisa kwakunye kwanokuba unike isichaso. Ukuba akukhange kubekho nkcaso ifumanekileyo kwaye ingxelo yamapolisa ifumanekile, isicelo singathunyelwa kwiBhodi yoTywala. IBhodi yoTywala iya kuqaphelisisa isicelo ngasinye ngokuphathelele kumfaki-sicelo, kwizakhiwo kwakunye nomdla woLuntu. Qaphela: Ukuthobela izikhokelo ezimisiweyo apha akuqinisekisi mpumelelo yakuba isicelo siya kuvunywa. Umthetho wotywala kwakunye nemimiselo yayo inzima yaye aBafaki-sicelo kufuneka bafune iingcebiso zeenkunkqele ngokuphathelele ekusebenzeni kwawo. Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe qhagamshelana neBhodi yoTywala yeNtshona-Koloni. |