Cape Gateway
Afrikaans | isiXhosa | About | Contact | Help | Advanced Search  |
 
DEPARTMENT OF SOCIAL DEVELOPMENT: OVERVIEW

ISebe loPhuhliso lweNtalo yoLuntu libonelela ngophuhliso, ukukhuselwa koluntu, kunye neenkonzo zentlalo-ntle kubo bonke abemi boMzantsi Afrika. Ezi nkonzo zibonelelwa ngalo lonke ixesha umntu esidla ubomi kwaye zibandakanya ukumela, ukukhuthaza, ukuthintela, ukukhathalela nokuphungula umthwalo.

Eli Sebe lizinikele kwiinkqubo zokuguqulwa kweemeko zoluntu njengoko oko kuqulethwe ngummiselo wobulungisa eluntwini kunye neBhili yaMalungelo. Ke ngoko lizama ukudalela abahlwempuzekileyo, abasemngciphekweni nabo bakheswayo luluntu ubomi obungcono.

Uxanduva lalo kukuphungula ubuhlwempu nokukhuthaza ukudlelana koluntu ngokuthi liqulunqe imigaqo nkqubo kananjalo libeke iliso ekusungulweni kwayo ngendlela eza kudala iimeko ezivumela nezikhokelela ekuphungulweni kobuhlwempu. Liqinisekisa ubonelelo ngokhuseleko loluntu neenkonzo zentlalo-ntle yoluntu kubo bonke abemi boMzantsi Afrika, kwaye liqhuba iinkqubo zerisetsh


WEBSITE: www.welfare.gov.za
The content on this page was last updated on 17 August 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo Cape Gateway is a government service aimed primarily at citizens of the Western Cape, providing information on local, provincial and national government Western Cape: A Home For All logo