Cape Gateway
Afrikaans | isiXhosa | About | Contact | Help | Advanced Search  |
 
DEPARTMENT OF WATER AFFAIRS AND FORESTRY: OVERVIEW

ISebe leMicimbi yaManzi naMahlathi lilo elisingatha imicimbi emalunga namanzi namahlathi oMzantsi Afrika. Injongo yalo:

  • Kukuqinisekisa ubukho nokufumaneka kwamanzi kuso sonke isizwe
  • Ukuqinisekisa ubonelelo ngeenkonzo zamanzi ngendlela eyiyo ekuhlaleni.
  • Ukukhuthaza ukuphathwa kwamahlathi ngendlela engatshitshiyo.

Eli Sebe linoxanduva lokuqulunqa nokusungula imigaqo-nkqubo yokulawula la macandelo.

Ngeli xesha iSebe lizabalazela ukuqinisekisa ukufumana kwabo bonke abemi boMzantsi Afrika amanzi acocekileyo kunye neendlela zokucoca ezingenabungozi, icandelo lamanzi likhuthaza ukusetyenziswa kwamanzi ngendlela eyiyoukuze kuqinisekiswe uphuhliswa kwezoqoqosho nezentlalo yoluntu ngendlela engatshitshiyo.

Inkqubo yamahlathi ikhuthaza ulawulo lwamahlathi endalo eli lizwe kunye namahlathi orhwebo ngendlela engatshitshiyo ukuze esi sizwe sizuze kuwo ngalo lonke ixesha.

Ezinye iiprojekthi neenkqubo eli Sebe elibandakanyeka kuzo kungoku nje zezi:

  • Inkqubo yoluntu yokongeza iflorayidi emanzini
  • Ukulawulwa kwamanzi ngendlela ebandakanyayo
  • Iprojekthi i-Lesotho Highlands Water Project
  • Inkqubo i-South African River Health Programme (RHP)
  • Indlela yokuvavanya imo yokusetyenziswa kwamanzi ngobuchule, i-Strategic Environmental Assessment (SEA) for Water Use.
  • Isicwangciso samanzi seNtshona Koloni, i-Water Plan for the Western Cape
  • Inkqubo i-Working for Water Programme

Eyona misebenzi iphambili eli Sebe elibonelela ngayo inxulumene:

  • namadami, imisele nezikhukula
  • amanzi nococeko olufumaneka simahla
  • ukulayiseniswa nokubhaliswa kokusetyenziswa kwamanzi
  • uphuhliso olungatshitshiyo
  • ucoceko
  • ulawulo lweentlekele
  • isifo sorhudo


WEBSITE: www.dwaf.gov.za
The content on this page was last updated on 17 August 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo Cape Gateway is a government service aimed primarily at citizens of the Western Cape, providing information on local, provincial and national government Western Cape: A Home For All logo