| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
e-government - Le yindlela yokubonelela ngeenkonzo nolwazi lukarhulumente kusetyenziwa ubuxhaka-xhaka bobugcisa bolwazi nonxibelelwano, obufana ne-internet.
e-learning - Oku kukufundisa kusetyenziswa izixhobo zosasazo zeekhompyutha. Oku kusenokuquka imfundo efumaneka nge-internet.
e-strategy - Esi sisicwangciso-qhinga sikarhulumente esijongana (phakathi kwezinye izinto) neentshukumo zobuxhaka-xhaka bobugcisa, iinkqubo kwaneendlela zokufumana ukungena kwesizwe kwi-internet namanyathelo e e-government.
Economy of Scale - Apha kuxa kubiza kancinci ukuvelisa amanani amakhulu emveliso ethile kunokuvelisa amanani ambalwa.
Electronic Transaction - Olu lunaniselwano nge-internet. Kukho iintlobo zonaniselwano lwezimali nolungelulo olwezimali ngobu buxhaka-xhaka be-internet.
Environmental health - Apha kuthethwa ngemiba yezempilo enento yokwenza nendalo engqongileyo, kuquka nokungcoliswa kwayo kwanomgangatho wokutya nowamanzi.
Eyam Yeyakho, Eyakho Yeyam - Indlela yokwabelana ngempahla emtshatweni. Yome impahla, imali nezinye nje izinto zomntu ngamnye kwabo batshatayo xa bengena emtshatweni, kwanayo nayiphi na into ekhula nefunyanwa ngexesha kutshatiwe, iyabiwa.
Ezamagciwane - Ezi zizifundo ngamagciwane, ingakumbi ngokungqamene nezempilo nolimo.
Ezobulungisa - Le yindlela ezisebenza ngayo iinkundla, abatshutshisi namapolisa anoxanduva lokulawula ubulungisa.
EZolawulo - Eburhulumenteni, oku kubhekisa kumacandelo karhulumente aqinisekisa ukusebenza nokuthotyelwa kwemithetho nanoxanduva lokujongana nolawulo lweli lizwe mihla le. Eli sebe likwaziwa njengesebe eliphezulu labawuli baseburhulumenteni.