Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Inkqubo Yokulungiswa Kwemigaqo iZenzele
INJONGO:
Injongo yeli phulo kukuqinisekisa ukumiselwa kwenkqubo yokulungiswa kwemigaqo eliza kuqesha inani elandisiweyo labantu baloo ngingqi abaza kwenza lo msebenzi.
ISIQALO:
2003
ISIPHELO:
2009
UMGANGATHO:
Liyaqhubekeka
INKCAZELO:

Le Nkqubo Yokulungiswa Kwemigaqo iyiZenzele ijolise kudaleleni abantu beengingqi ekwenzeka kuzo olu phuhliso amathuba engqesho. Le nkqubo ke ilinyathelo lenkubo Yasekuhlaleni Yemisebenzi Yoluntu yaye lijolise ekuphuculeni imigaqo esele ikho ngokuthi iqeshe abantu basekuhlaleni kwezo ngingqi zo[phuhliso ukuba ibe ngabo abasebenzayo apho.

A group of the local workforce

Le nkqubo Yasekuhlaleni Yemisebenzi Yoluntu isebenzisana noomaspala ekuchongeni iingingqi ekuza kwenziwa kuzo le misebenzi kwanokuqalisa ngala maphulo ophuhliso. Amaphulo ke kwezi ngingqi kuza kusetyenzwa kuzo aphantsi kweliso labaphathi beli phulo leZenzele abaqeshwe ngezibhambathiso zengqesho. Ukuthatyathwa kwenxaxheba luluntu lwasekuhlaleni kwiingingqi eyenzeka kuzo le misebenzi kuphantsi kweliso lwabaphathi bale nkqubo abahlalela imihlangano noluntu ekuhlaleni.

Baphakathi kweshumi elinesibini namashumi amabini anesihlanu Abasebenzi Abajongene Nophuhliso Lwasekuhlaleniabaqeshwe yile nkqubo isithuba seenyanga ezilishumi elinesibini kwiphulo ngalinye. Le nkqubo ke ithi yenze uphando ngezakhono abanazo aba basebenzi basekuhlaleni iza kubaqesha yaye indlela ekuqeshwa ngayo iwuqwalasela ngokubanzi umba wesini yaye ikwajolise nasekuthabatheni ulutsha. Abasebenzi basekuhlaleni aba baqeshelwe ukusebenza iiyure ezingamashumi amathandathu ngenyanga yaye bakwanikwa neebhayisekile ukubanceda bafikelele lula kwiingingqi abasebenzela kuzo.

Iintshukumo zomsebenzi ziquka ukutshentula izityalo ezingafunekiyo, ukucoca iidreyni,ukulahla inkukuma nokhula emigaqweni, ukulungisa imingxunya kwanokuhlamba iimpawu zendlela kwakunye neenkcenkce ezilumkisa ngeengozi. Aba basebenzi bakwanikezela nengxelo ngezinto ezifuna ukulungiswa ngokukhawuleza. Umsebenzi ngamnye unikwa malunga nekhilomitha yomgaqo.

Le nkqubo Yasekuhlaleni Yemisebenzi Yoluntu ikwanikezela nangoqeqesho lokulungisa imigaqo kubasebenzi abajongene nophuhliso lwasekuhlaleni. Izikhulu zasekuhlaleni ziqinisekisa ukuba aba basebenzi bawenze kakuhle na umsebenzi yaye zijolise ekuchongeleni aba basebenzi amathuba asenokubavelela ekuhambeni kwexesha afana nolunye uqeqesho, ukufakwa kwizithuba zengqesho okanye amathuba okuzivulela awabo amashishini.

Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, qhagamshelana:

noLundi Lutya
Kule Nombolo Yomnxeba: 021 483 5381
I-email: llutya@pgwc.gov.za

uMkhululi Mavuso
Inombolo Yomnxeba: 021 483 5566
I-email: mmavuso@pgwc.gov.za

uRafeek Louw
Inombolo Yomnxeba: 021 483 5349
Inombolo Yefeksi: 021 483 7171
I-email: ralouw@pgwc.gov.za

IXHASWA NGEZIMALI YI-:
Iinkqubo Zemisebenzi Yoluntu Ezayanyaniswe Noluntu Ekuhlaleni (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 6 uMatshi 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo