| YINTONI LE NKQUBO YONCEDO KULUTSHA IYISIYANCEDA? Le nkqubo iyiSiyanceda ilinyathelo leCape Mental Health Society yaye liyingxenye lenkqubo iTraining Workshops Unlimited. Kule nkqubo ke abantu abasebatsha abangathathi ngokukhawuleza ngokwasengqondweni baqeqeshelwa iintlobo ezithile zemisebenzi ze bafakwe kwizithuba zengqesho kwimibutho esekuhlaleni apho bathi khona bafumane izakhono zokwenza imisebenzi abanqwenela ukungena kuyo. Kuyo yonke ke le nkqubo nexesha lolu qeqesho (elilishumi elinesibhozo leenyanga) ulutsha lukwafumana noqeqesho kwizakhono zobomi kwanenkxaso kumqeqeshi wemicimbi yengqesho ngeenjongo zokubalungiselela ingqesho ngaphandle kwesikolo. Abantu abatsha abathi bathabathe inxaxheba kule nkqubo banikwa uqeqesho olubanika amanqaku nakwiNational Qualifications Framework. Inqanaba 1 Kwinqanaba lokuqala lale nkqubo, abaqeqeshwa bathi bafumana izakhono, amava entsebenzo ze nebafakwe nakwizithuba zengqesho ekwenzeni nasekudaleni izitiya, ekuhlambeni impahla, ekucoceni, nakwincandelo lokunonophela abantwana nabantu abadala. Inqanaba 2 Kwinqanaba 2, amashumi amane 40 bathe bachongwa kuwo onke amaziko oqeqesho eT raining Workshops Unlimited training. Umqeqeshwa ngamnye ochongiweyo uya kufumana uqeqeshohg olumandla kwicandelo Leenkonzo Zococeko Nokucoca kwakunye nezinye izakhono zobomi ezayameneyo nezi. Aba baqesqeshwa ke baya kuthi bafakwe kwizithuba zoqeqesho ezikwingingqi yaseFlakeni, eRetreat, eMitchell's Plain naseKhayelitsha, apho baya kwenza khona imisebenzi yokuzinikela. Abaqeqeshi kwimicimbi yengqesho baya kuthi batyelele aba baqeqeshwa kwezi ndawo zasekuhlaleni bafakwe kuzo ngeenjongo zokubanika inkxaso eya kuqhubekeka ze baqwalasele nenkqubela yabo. UKUFAKA ISICELO SOKUTHABATHA INXAXHEBA KWELI PHULO Abantu abasebatsha abakhubazekileyo ngokwasengqondweni bangazifaka izicelo zokuzimanya nenkqubo yoqeqesho iTraining Workshops Unlimited. Abathabathi-nxaxheba kwiphulo iSiyanceda bachongwa kwakwabo bathabatha inxaxheba kwezi nkqubo zoqeqesho. UKUTYIKITYELA UKUFAKWA KWISITHUBA SENGQESHO KWINDAWO OPHANGELA KUYO Ukubalungiselela amathuba engqesho kwilixa elisezayo, abaqeqeshwa beSiyanceda kufuneka bewafumene amava okuba kunjani na kanye ukusebenza kumsebenzi onguwo. Ukufakwa kwimibutho esekuhlaleni kwiingingqi ezithile kunikezela ngamava okwenene kwabo bantu baqeqeshwayo yaye kukwanikezela nangenkonzo enexabiso nefumaneka simahla kuluntu ekuhlaleni. Imibutho namashishini kwezi ngingqi zasekuhlaleni zilandelayo zingazuza kwiinkonzo zokucoca zezi ngingnqi nezangaphandle kuzo ezinikezelwa yile nkqubo iyiSiyanceda: - iFlakeni
- iRetreat
- iMitchell's Plain
- neKhayelitsha
Umbutho ke wona ulundeleke ukuba uhlawulelele izixhobo zokucoca kuphela. Imibutho neenkampani ezinomdla ekufakeni izicelo zokwamkela abaqeqeshwa beSiyanceda ze zisebenzise ezi nkonzo zokucoca zeSiyanceda zinikezelwa ngamavolontiya eSiyanceda zingaqhagamshelana namphi na uMqeqeshi Wengqesho ngeeyure zomsebenzi okanye zitsalele uMphathi Wephulo iSiyanceda kule nombolo yomnxeba 021 638 3143 okanye zimthumele i-email stephan@trainingworkshops.co.za. |