Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Inkqubo ekuthiwa yi-Rapid Bus Transport System
ISIQALO:
15 uJanuwari 2003
ISIPHELO:
31 uDisemba 2007
UMGANGATHO:
Liyaqhubekeka
INKCAZELO:

Inkqubo yocalucalulo yayiyilwe ngendlela eqinisekisa ukuba abo bahlelelekileyo nabakwangabasebenzi bahlala kwezona ndawo zakha zakude kwiindawo zokusebenza. Abantu abaninzi ke ngoko bathembele kwizithuthi zikawonkewonke.

URhulumente wePhondo uqulunqe isicwangciso-qhinga sokuvuselela inkqubo yezothutho ezisetyenziswa nguwonkewonke waza waqwalasela iingxaki ezithile ezidalwe zezi zibonelelo zikhayo kungoku nje.

Isigaba sokuqala sale projekthi inkulu kangaka iya kuba kukwazisa ngenkqubo ekuthiwa yi-rapid bus transit (RBT) engasekwirhange yase Klipfontein.

Oku kubandakanya indlela esuka eKhayelitsha isiya eMowbray, apho kukho nendlela yebhayisekile neyabahambi ngeenyawo ethe yaphuculwa. Kulindeleke into yokuba ukuphuhliswa kweKlipfontein Road ibe yipaseji yezithuthi kungazala izinto eziluncedo kwezoshishini, uluntu nakubaqhubi bezithuthi zoluntu.

Le projekthi lilinge elidityanelweyo liSebe lezoThutho neMisebenzi yakwaRhulumente kunye neSixeko saseKapa.

Funda nangakumbi ngenkqubo ekhawulezayo yothutho ngeebhasi:

Cape Town studies rapid bus scheme

UHLAHLO LWABIWO-MALI:
R300-yezigidi
IXHASWA NGEZIMALI YI-:
Funder: Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 18 uFebruwari 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo