| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Inkonzo Yempilo Yezilwanyana Yephondo
INKCAZELO: |
Iinkqubo ezahlukeneyo zokujongana nempilo yezilwanyana sele zisebenza, umzekelo, inkqubo yokuphelisa iBovine Tuberculosis neBrucellosis. Ukuxilongwa kweenkunzi zegusha ukufumanisa ukuba azinazifo zangaphantsi na kwakunye nokuchuma nako kuyenziwa. Amaphulo okukhangelwa kwezifo ayenziwa nawo xa kukho ubungqina bokuba kukho izifo ezichaphazela kabuhlungu umhlambi weli phondo. Amafama emfuyo acetyiswa rhoqo ukuba ngeendlela zezempilo zokuthintela izifo kwakunye nangeendlela zokulawula amazinga bobukho bezifo. |
IMIYALELO: |
Ukuze ufikelele kule nkonzo, tyelela i-Ofisi yoMbuso kaGqirha Wezilwanyana ekufutshane nawe. Ukuba unakho, kulicebiso eliphilileyo ukwenza idinga kwangaphambi kolu tyelelo. |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Iinkonzo Zonyango Lwemfuyo (Department of Agriculture, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |
IXABISO: |
Ixabiso lixhomekeka kuhlobo lwemibuzo oza nayo, kwanasekubeni umnini wesilwanyana eso ume njani na ngokwasesipajini. Kubantu abavela kwiindawo ezihluphekileyo nezazifudula zisingelwe phantsi kulandelwa inkqubo 'kahlawula-ngokwamandla-akho'. |
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 23 uMatshi 2005