| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Iinkonzo zonkcenkceshelo
INKCAZELO: |
Icandelwana lonkcenkceshelo kwiCandelo loLawulo lwezobuNjineli bezoLimo linikezela ngengcebiso nezikhokelo zokunceda abo bangabankcenkcesheli ukuba amanzi bawasebenzise ngendlela enocikizeko. Ezi ngcebiso ke nezi zikhokelo zibandakanya nokuhlolwa kwendlela ezicwangciswe ngayo izinto zokunkcenkceshela kwakunye nokuzihlola indlela ezisebenza ngayo phaya emasimini ezi zinto zokunkcenkceshela, khona ukuze kuqinisekiswe ukuba ziyahambelana nemigangatho ethile yokusebenza ebekiweyo. Eyona ndawo iphambili kweli candelwana kukuqhutywa kwamaphulo okufundisa ngeendlela zokusetyenziswa kwamanzi ngendlela efanelekileyo nenempumelelo.Kananjalo kuye kuqhutywe novandlakanyo olujoliswe ekukhangeleni ukuba afumaneka kangakanani na amanzi okunkcenkceshela kwimisebenzi yamafama amancinane nakwindlela yokucwangciswa kwezinto zokunkcenkceshela zala mafama. Ezi zinto ke zibandakanya ucwangciso lwezibonelelo zamanzi, nokubekwa kweliso kucwangciso nofakelo lwezi zinto zokunkcenkceshela. |
IMIYALELO: |
Xa ufuna enye inkcazelo eyenye, qhagamshelana no: Peter Keuck C Protopapas |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Sustainable Resource Management (Department of Agriculture, Provincial Government of the Western Cape) |
IXABISO: |
Simahla |
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uFebruwari 2004