| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
iRadio Elsenburg
INKCAZELO: |
iSebe Lezolimo leNtshona Kapa linesikhululo salo somculo esaziwa ngokuba yiRadio Elsenburg. Apha ke uChris Viljoen uthi enze amalungiselelo eenkqubo ezimbini zesi sikhululo sikanomathotholo sisebenza ngesiBhuluiRadio Sonder Grense (iRSG ngamafuphi). Esisikhululo ke sisasaza kwilizwe ngokubanzi kumaza omoya angu-100 - 104 FM. I-Elsenburg Forum isasaza rhoqo ngokuhlwa kwangoLwesine nge-20h30, ngelixa iLandbou-oorsig yona ivakala emva kwemini yangoLwesihlanu nge-12h30. Zombini ezi nkqubo zisasazwa ngesiBhulu yaye zishukuxa uthotho lwemiba yezolimo. Ezi nkqubo zikwagcinwa kwiwebsite yethu ngokohlobo lwamaxwebhu e-.mp3. |
IMIYALELO: |
Vulela unomathotholo qwakho kwisikhululo iRSG esikumaza omoya angu-100 - 104 FM ngooLwezine nge-20:30 okanye ke ngooLwezihlanu nge-12:30, okanye utyelele iwebsite yase-Elsenburg emva kosasazo.Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, dibana: noChris Viljoen kule Nombolo Yomnxeba: 021 887 0985 chrisvi@elsenburg.com |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Department of Agriculture (Provincial Government of the Western Cape) |
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 21 uJuni 2006