Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukuqala Ishishini Eliqhutywa Ngentsebenziswano
INKCAZELO:
Ishishini eliqhutywa gentsebenziswano lishishini eliqhutywa liqela labantu abasebenza kunye ukufikelela kwiinjongo zabo.

Onke amashishini aqhutywa ngentsebenziswano ngamaqela abantu kufuneka ebhaliswe kuMgcini-zincwadi Wamashishini Aqhutywa Ngentsebenziswano.

Isebe Lezolimo sele lipapashe iincwadi neempepha ngokuqalwa nokugcinwa kweshishini eliqhutywa ngentsebenziswano njengengxenye yenkqubo yalo yokuphuhlisa amashishini kwicandelo lezolimo. Ezi ncwadana nezi mpepha zinikezela ngolwazi oluneenkcukacha ezigcweleyo ngokuqala nokulawula ishishini eliqhutywa ngentsebenziswano.

Nceda uqonde ukuba:

  • La maxwebhu makhulu yaye anokuthabatha ixesha ukuwalanda kwesi sikhundla.
  • Ezi ncwadana nezi mpepha kungoku nje zifumaneka kuphela ngesiNgesi.

IMIYALELO:
Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe ngokubhaliswa kweshishini eliqhutywa ngentsebenziswano qhagamshelana:

Inombolo Yomnxeba: 086 184 3384

noMnumzana Rector Rapoo
Inombolo Yomnxeba: 012 394 5086/5030
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Department of Agriculture (Provincial Government of the Western Cape)
IXABISO:
Cofa apha ukuze ufumane okunye ngeentlawulo ezihlawulwa ekubhalisweni kweshishini eliqhutywa ngentsebenziswano liqela labantu.
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 20 uJulayi 2007
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo