| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Ukuqeshisa Amaziko Enkcubeko
INKCAZELO: |
Asixhenxe amaziko enkcubeko avulelekileyo ukuze asetyenziswe yimibutho aaqumrhu anikezela ngeenkonzo zemfundo kwikcubeko. La maziko enkcubeko anikezela ngendawo yokuhlala kwakunye nezixhobo zokubambela iingqungquthela.![]() iMephu Yamaziko Enkcubeko aseNtshona Koloni Onke ke la maziko abekwe kwiingingqi ezinomtsalane eluntwini. Avuleleke kumaqela abantu abangamashumi amane nangaphezulu kwaye kudingeka nemali esisiqinisekiso sale ngqesho. Izicelo zokuqesha ngeempelaveki zingooLwezihlanu ngentsimbi yesine malanga ukuya ngeeCawe ngentsimbi yesibini emva kwemini. La maziko awafumaneka ngamaxesha athile apha kwiimpelaveki, kuquka ke nooLwezihlanu. La maziko enkcubeko, kuquka iindawo, iinkcukacha zokugcinwa kwalawo aqeshiweyo kwakunye namaxabiso adweliswe kule tafile. |
IMIYALELO: |
Ukuze ube nokufaka isicelo sokuqesha iziko lenkcubeko, qhagamshelana: noG Steyn oyiNtloko: Yecandelo Leenkonzo Zenkcubeko, eNtshona Koloni Private Bag X9067, eKapa, 8000 Inombolo Yomnxeba: 021 483 9727 Inombolo Yefeksi: 021 483 9673 gsteyn@pgwc.gov.za |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Inkcubeko Nobutyebi Bendalo (iSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |
IXABISO: |
Intlawulo iphakathi kwama-R26 nama-R30 umntu ngamnye ngobusuku apha ku-2006. |
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 30 uAgasti 2006
