| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Uncedo-mali Kwimisebenzi Yokuphuculwa, Kulondolozwe ze Kuphuhliswe iNkcubeko Nobutyebi Bezwe
INKCAZELO: |
Uncedo lwezimali luyafumaneka ngemisebenzi yobuchule nenkcubeko eyenziwe yimibutho yezenkcubeko. Imisebenzi le kufuneka igxininise kuphuhliso, ukugcinwa nokukhula kwenkcubeko nobutyebi. Uncedo lwezimali olu lwenziwa ngonyaka yaye izicelo kufuneka zibe ziyangena ngomhla wama-31 kweyoKwindla minyaka le. AmaBhunga Ezenkcubeko abhaliswe kwiKomishoni yezeNkcubeko yeNtshona Koloni anakho nawo ukufaka izicelo zoncedo-mali lweenkomfa, uphando kwakunye nemisebenzi engqamene nenkcubeko. |
IMIYALELO: |
Abafaki bezicelo kufuneka bamele umbutho wezenkcubeko kwakunye nomsebenzi uncedo-mali olu lufunelwa wona yaye kufuneka kube kanti ingqamene nobuchule nenkcubeko. Kuya kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo elifumaneka kwiNtloko Yemisebenzi Yenkcubeko, uMs Nerine Jeaven okanye ke uye kwikhompyutha. Ukuze ukwazi ukufaka isicelo soncedo lwemali, gcwalisa iBusiness Plan/Annual Recurrent Expenditure ('Are') kwiphetshana lesicelo (i-NZA2). Qinisekisa ukuba uyazithobela iintsuku zokungena komsebenzi wakho, kuba akukho luncedo lwazimali luya kuphunyezwa emva koko. Ukuba niliBhunga lezeNkcubeko elibhaliswe ngokwemimiselo yoMthetho iKomishoni yezeNkcubeko yeNtshona Koloni kwakunye namaBhunga ezeNkcubeko, we-14 ka-1998, gcwalisani iphetshana lesicelo i-WC3. Izicelo kufuneka zithunyelwe kwi:Ntloko: Yemisebenzi yeNkcubeko Private Bag X9067, Cape Town, 8000 Tel: 021 424 0410 Fax: 021 424 0457 tweidema@pgwc.gov.za |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Inkcubeko Nobutyebi Bendalo (iSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 24 uMatshi 2004