Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
AMAPHEPHA-MVUME
Cofa kwinkonzo leyo xa ufuna iinkcukacha ezipheleleyo.
Amaphepha-mvume Okulungisa Izakhiwo Zasezimbalini
Ukuze ube uyawuhlonipha umthetho iNational Heritage Resources Act, nabani na onomnqweno wokulungisa izakhiwo ezibalulekileyo kwiimbali zethu kufuneka athumele isicelo semvume kwiBhunga Elijongene Nelifa Lemvelo leNtshona Kapa. Isakhiwo esibalulekileyo kwiimbali sichazwa njengesakhiwo esiminyaka ingaphezu kwamashumi amathandathu sikho.  > 
Ukubhaliswa Kokuqokelelwa Kwabucala Kwamatye Anqabileyo, Izinto Zakudala Ezinqabileyo kunye Namatye awe Esibhakabhakeni
Ngokomthetho, abanini beengqokelela ezenziwa bucala zamatye anqabileyo, izinto ezinqabileyo zakudala kwakunye namatye awe esibhakabhakeni abeqokelelwe phantsi kolawulo lomthetho ongasekhoyo banikwa ixesha de kube ngumhla wokuqala kwekaTshazimpunzi ku-2002 ukubhalisa iingqokelela zabo ne-South African Heritage Resources Agency (i-SAHRA).  > 
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 30 uAgasti 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo