| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Ukuze ube uyawuhlonipha umthetho iNational Heritage Resources Act, nabani na onomnqweno wokulungisa izakhiwo ezibalulekileyo kwiimbali zethu kufuneka athumele isicelo semvume kwiBhunga Elijongene Nelifa Lemvelo leNtshona Kapa. Isakhiwo esibalulekileyo kwiimbali sichazwa njengesakhiwo esiminyaka ingaphezu kwamashumi amathandathu sikho. Eli Bhunga Lijongene Nelifa Lemveli leNtshona Kapa linikezela ngamaphepha-mvume, ngokuthi liqwalasele imiba echaphazelekayo kweso sicelo kwakunye novavanyo lwefuthe lale nguqu kwindalo engqongileyo. Eli phepha-mvume ke liqwalasela imimiselo yezicwangciso zophuhliso kwakunye nokwahlula-hlulwa komhlaba ngokoMthetho Ojongene Nokusetyenziswa Komhlaba karhulumente wekhaya. Ngokuqinisekisa ukuba imiba yelifa lemvelo iyabandakanywa kuvavanyo lwefuthe lophuhliso olucetywayo kwindalo engqongileyo, abaphuhlisi bathi bakwazi ukuchonga nokufumanisa amaziko nezibonelelo zelifa lemveli. Yiyo ke le nto abaphuhlisi beya kukwazi ukuqhubekeka neentshukumo zabo zophuhliso ngaphandle kwamathandabuzo okuba imisebenzi yabo ingarhoxiswa ngenxa yokufunyaniswa kwesibonelelo selifa lemveli. Le nkqubo yokunikezelwa kwamaphepha-mvume inikezela ingcaciso ngothotho lwezibonelelo zelifa lemveli:
|
IMIYALELO: |
Faka isicelo sephepha-mvume kwiBhunga Elijongene Nelifa Lemvelo leNtshona Kapa: kwiNtloko |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Inkcubeko Nobutyebi Bendalo (iSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |