| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Ukubhaliswa Kokuqokelelwa Kwabucala Kwamatye Anqabileyo, Izinto Zakudala Ezinqabileyo kunye Namatye awe Esibhakabhakeni
INKCAZELO: |
Ngokomthetho, abanini beengqokelela ezenziwa bucala zamatye anqabileyo, izinto ezinqabileyo zakudala kwakunye namatye awe esibhakabhakeni abeqokelelwe phantsi kolawulo lomthetho ongasekhoyo banikwa ixesha de kube ngumhla wokuqala kwekaTshazimpunzi ku-2002 ukubhalisa iingqokelela zabo ne-South African Heritage Resources Agency (i-SAHRA). Kukho intlaninge yeenzuzo ngokugcina incwadi eneenkcukacha zezi ngqokelela:
Inkqubo yokubhalisa ayibuchaphazeli ubunini bezingqokelela zibhalisiweyo, ezihlala ziyimpahla yomnini. Olu bhaliso lweengqokelela zabucala luqinisekisa ukuba iinkcukacha ngazo ayilahleki kwizizukulwana ezisezayo. Iingqokelela ekufuneka zibhaliswe kwi-SAHRA ziquka:
|
IMIYALELO: |
Iinkcukacha ezithe vetshe namaphepha okubhalisa afumaneka kuMary Leslie (mleslie@sahra.org.za) kwiOfisi kaNdlu-Nkulu ye-SAHRA okanye uqhagamshelane ne-Ofisi yeNgingqi yakho ngeenkcukacha ezithe vetshe.I-Ofisi yePhondo leNtshona Koloni ye-SAHRA: 111 Harrington Street, Cape Town, 8001 PO Box 2771, South African Heritage Resources Agency, Cape Town, 8000 Umnxeba: 021 465 3622 Ifeksi: 021 461 0738 bcrouts@sahra.org.za |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
IQumrhu yeLifa leMveliso loMzantsi Afrika |
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 23 uFebruwari 2004