Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ithala Lophuhliso Noqeqesho Kwizakhono (iSebe Leenkonzo Zempilo Zesithili Sikamaspala Ombaxa)
INKCAZELO:
book and glasses  
       
 
rounded corner
YIBA LILUNGU
rounded corner
   

Eli Thala Lophuhliso Noqeqesho Kiwizakhono liseKarl Bremer Complex eBelville, linikezela ingakumbi ngeenkonzo kubasebenzi bakarhulumente wephondo, abafundi kwakunye nezikhulu kumaphulo oqeqesho.

Ubutyebi obuqulethwe leli thala bambathisa zonke iinkalo zempilo - ezangoku nezakudala - ezinokuqondwa kakuhle nguye wonke ubani kwakunye nabasebenzi kweli candelo lezempilo. Obu bukwaqulethe amacandelo kwezolawulo, kwakunye nophuhliso noqeqesho kwizakhono. Onu butyebi lukwaquka iincwadi, amaphepha-ndaba kunye nemifanekiso bhanya-bhanya. Amaphetshana anikezelwayo naxhonywayo kwakunye neentsilathi ayafumabeka ukuze asasazwe kodwa ke ambalwa.

 
IMIYALELO:
 
rounded corner
IIMPEPHA-NKCUKACHA ZAMATHALA
rounded corner
   

UKUBA LILUNGU

Ukuze ube lilungu kufuneka ugcwalise ikhadana (yiza nencwadana yakho yesazisi yaye ukuba ungomnye wabasebenzi bakarhulumente wephondo, yiza nayo nenombolo yakho yasemsebenzini).

Ungazithatha iincwadi, amaphepha-ndaba okanye imifanekiso bhanya-bhanya ngoko nangoko. Iincwadi, amaphepha-ndaba nemifanekiso bhanya-bhanya zonke zingabolekwa ixesha elingangeeveki ezintathu. Le mpahla ingahlaziywa ukuba akukabikho mntu sele eyalezele ukuyigcinelwa yakubuya.

Ukususela ngomhla wokuqala kwinyanga yeKhala apha ku-2005, kuya kufuneka ukhuphe intlawulo ngazo iincwadi ozibuyise emva kwexesha okanye ongazihlaziyanga. Nceda ufake nemali esisohlwayo xa ubuyisa iincwadi zakho. Uya kuxolelwa ungohlwaywa kwiintsuku ezimbini zokuqala.
Iveki 1 - 50c ngencwadi nganye
Iveki 2 - R1 ngencwadi nganye
Iveki 3 - R2 ngencwadi nganye
Iveki 4 - R3 ngencwadi nganye njalo-njalo.

Nceda wazi ke ngoko ukuba kuya kufuneka uhlawule ixabiso lempahla yeli thala ongayibuyisdanga.

IINKCUKACHA-MPEPHA

Ukuze sibe nokukugcina uphambili ngeendaba nako konke okutsdha kweli thala, siya kuthumela iinkcukacha-mpepha eziqulethe zonke iincwadi ezintsha kuwo onke amaziko empilo esi Sixekokazi, nge-email, rhoqo okanye ungazigrumbela iinkcukacha ngeencwadi ezintsha zeli thala apha:

UPHANDO

Uncedo ngemibuzo enento yokwenza nophando, kuquka ukukhangela nge-Internet, lungacelwa.

IMBALELWANO YANGAPHAKATHI (INKONZO EKHAWULEZILEYO YOKUTHUNYELWA KWEPOSI)

Iincwadi, amaphepha-ndaba, kwakunye nemihlathi ekotshiweyo ingathi ithunyelwe kubasebenzisi beli thala xa bethi bacele oko kwangexesha kusetyenziswa le nkonzo ikhawulezileyo yokuthunyelwa kweposi, ukuba ilungu elo alikwazi kuziyela ngokwalo okanye lithumele umntu aye kulilandela.

SIFUMANEKA PHI?

Eli Thala lifumaneka emva kweBremer Complex, kwisango leSebe Lophuhliso Noqeqesho Kwizakhono.

Idiliesi yesitalato:
Ithala Lophuhliso Noqeqesho Kwizakhono - inombolo yegumbi 92
Isebe Lophuhliso Noqeqesho Kwizakhono
eKarl Bremer Complex
Kwikona yeMike Pienaar neFrans Conradie Blvds
eBellville

AMAXESHA OKUSEBENZA

07:30 - 16:00, ngeMivulo ukuya ngooLwezihlanu

IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO

Usothala: uSharon Swanepoel
uSekela-Mlawuli: Kay Govender
Inombolo Yomnxeba: 021 918 1726 / 918 1671
Inombolo Yefeksi: 021 946 1271
E-mail: shswanep@pgwc.gov.za
IFUMANEKA KWI:
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Iinkonzo Zempilo Zezithili Zenqila (Isebe Lezempilo, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 31 uMeyi 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo