| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Amashishini angathanda ukufunda ngeendlela zokuthengisela iimalike zamazwe angaphandle, okanye aphucule indlela asebenza ngayo, angalufumana ulwazi kwakunye namathuba oqeqesho kwezi ndawo zilandelayo: iWesgro Wesgro inenkqubo Yophuhliso Lweentwngiso Kumazwe Angaphandle enikezela ngezifundo noqeqesho ngeentengiso kumazwe angaphandle kumashishini asakhasayo ambalwa nakhethekileyo alapha eNtshona Koloni ngeenjongo zokuphucula izakhono zawo zokukhuphisana namanye amashishini amazwe angaphandle. Mathathu amanqanaba olunikezelwa ngawo olu qeqesho:
iWesgro le ikwanikezela nangothotho lweendibano zoqeqesho neengcebiso ingakumbi kwiinkampani ezibhalisele ukugqiba inqanaba lesibini lezi zifundo. Iinkqubo yeengcebiso inikezelwa ngaxesha-nye neenkqubo zoqeqesho, apho abacebisi basiwa kwwinkampani emva kokuba zinikwe uvavanyo lokulungela ukuthengisela abathengi bamanye amazwe. Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, tyelela iwebsite yeWesgro. iCape Regional Chamber of Commerce and Industry Le Chamber of Commerce inikezela ngoqeqesho ngamaxesha athile, qeqesho olo ludinga kwimiba equka:
|
IMIYALELO: |
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha ngeentsuku neendleko, qhagamshelana: no-Edith Jacobs Kule nombolo yomnxeba: 021 402 4300 edith@capechamber.co.za |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
|
IXABISO: |
Ixabiso linye kuphela elifunekayo yimali yokubhalisa engama- R400. Nangona kunjalo udingeka ukuba kwakhona uhlawule imali eli- R1000 eyidipozithi eya kuphinda ibuyiselwe kuwe wakuba uzigqibile izifundo zakho. |