Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Amaphepha-mvume Okushishina
INKCAZELO:
Ukongeza ekubhalisweni kweshishiniamashishini 1/1) amashishini athile alindeleke ukuba afumane imvume yokushishina ngokufnwa yi-Businesses Act.Imvume yokushishina ifuneka ikakhulu kumashishini ekufuneka ehlonele imimiselo yempilo nokhuseleko. Iimvume ezi zifuneka kumashishini afana nala:
  • awenza okanye athengisa ukutya okunokuba kudala
  • izinto zempilo okanye zokuzonwabisa( kuquka amashishini abonelela ngamagumbi ashushu kakhulu ukucoca nokuhlaziya umzimba, ngemiyalezo, imidlalo yebhodi, imidlalo yeebhola edlalwa etafileni egqunywe ngelaphu, oomatshini bokungcakaza, iindawo zokuzonwabisa ebusuku kwakunye nezo zokubukela imidlalo-bhanyabhanya).
IMIYALELO:
Umaspala wakho ujongana neemvume zamashishini yaye ungaqhagamshelana nabo ngeenkcukacha zenkqubo yokunikezelwa kweemvume kwakunye nemimiselo yezempilo neyokhuseleko efuneka kwiintlobo ezahlukeneyo zamashishini.

Ngokuxhomekeka kuhlobo lweshishini elo, kuya kufuneka uhlonele ezi mfuno zilandelayo:

  • ukwahlulwa ngokwemimandla
  • impilo
  • ukhuseleko (ingakumbi umlilo).

Ukuba uyazihlonela zonke iimfuno, uya kunikwa imvume. Ukuba awuyihloneli, ungafaka isicelo sokunikwa ixesha elili-14 leentsuku, ozakuthi ukwazi ukwenza iinguqu ngalo kwisakhiwo sakho ukuze sibe kanti siyavumelana nale mimiselo.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 29 uMatshi 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo