| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Nawuphi na umntu onqwenelela ukuthengisa, ukwenza nokuhambisa utywala ngokwasemthethweni ngokomthetho kufuneka abe nephepha-mvume lokuthengisa utywala. Xa unokurhweba ngaphandle kwephepha-mvume, waphula umthetho yaye amapolisa angakuthathela amanyathelo omthetho, avale ishishini lakho yaye athimbe izinto zakho. IBhodi yoTywala yePhondo isebenzisana nokukhupha amaphepha-mvume otywala. Amaphepha-mvume okuthengisa utywala afuna ukuhlaziywa rhoqo ngonyaka. UKUCHASWA KWESI SICELO LULUNTU Uluntu lungafaka inkcaso ekubeni kukhutshwe iphepha-mvume. IBhodi yokuthengiswa kotywala iya kusiphonononga isicelo nazo zonke nezikhalazo ezifumanekileyo yaye iya kubona ukuba mayisamkele okanye isikhabe isicelo eso. IMIQATHANGO IBhodi yoTywala inakho ukunikezela ngephepha-mvume elinemiqathango. Imizekelo yeemeko eziqhelekileyo yiyo le:
INKATHAZO Ukuba izakhiwo zakho ezinesiqinisekiso zidala inkathazo kuLuntu, abangabamelwane bakho bangafaka isikhalazo. Amapolisa aya kumthathela amanyathelo uMrhwebi. Ukuba ingxaki iyaphikelela, iBhodi yoTywala ingabamba intlanganiso ize yakuva ibeke iimeko kwisiqinisekiso okanye iyichithe okanye iyimise ukuba ingasebenza iphepha-mvume elo. |
IMIYALELO: |
NGUBANI ONGAFAKA ISICELO SEPHEPHA-MVUME LOKUTHENGISWA UTYWALA? Unakho ukufaka isiqinisekiso sokuthengisa utywala xa unokuba:
KUFUNEKA USENZE NJANI ISICELO SEPHEPHA-MVUME LOKUTHENGISA UTYWALA? Unakho ukusifaka isicelo sesiqinisekiso sokuthengisa utywala ngokwegqwetha okanye umcebisi wotywala okanye ungafaka isicelo wena ubuqu. Iphepha Lesicelo liyafumaneka kwiThala leencwadi loMzantsi Afrika eKapa, okanye ke mhlawumbi usengayithenga incwadana yemimiselo epapashiweyo mayela noMthetho woTywala, equkaiphetshana lesicelo lokuqala. Eli phetshana lokwenza isicelo liphuma libe ziikopi ezintathu, zihamba kunye nekopi yokuqala yoMphathi Wamapolisa Othunyiweyo kwakunye nekopi yeBhodi yoTywala. Hlanganisa uludwe lwenkcukacha lokuxhasa isicelo sakho, njengesiqinisekiso sokuba unayo indawo osebenza kuyo. Kwakhona fakela uludwe lwenkcukacha lwezakhiwo, njengemifanekiso yombala okanye uluhlu lwenkcazelo, ikopi yoludwe lwezipheko ukuba ukutya kuyanikezelwa) kumye nengcebiso zomgangatho, ezibonisa imeko kunye nemilinganiselo yamacango, iifestile, kunye neetafile kwakunye nokuma kwezitalato neendawo zokuphuma. Isicelo kufuneka sichwethezwe singabhalwa ngesandla. Intlawulo yesicelo emisiweyo kufuneka ihlawuliwe kwi-ofisi yokuhlala yokwamkela iintlawulo zemali kaRhulumente woMzantsi Afrika (iSARS) yaye isiqinisekiso sokuba kuhlawuliwe kufuneka sihlanganiswe kwisicelo eso. KuLwesihlanu wokuqala wenyanga, ifomu egcwalisiweyo kufuneka ithunyelwe kuMantyi kwiSithili apho izakhiwo eziyakuqinisekiswa zikhona. Kwiiveki ezimbini eziphambi kokuba isicelo sithunyelwe kuMantyi, isaziso sokuba uza kwenza oko kufuneka sithunyelwe kuBashicileli bakaRhulumente ePitoli ukuze zipapashwe kwiPhepha-ndaba likaRhulumente kuLwesihlanu wokuqala enyangeni. Isaziso esikwiPhepha-ndaba likaRhulumente siso kuphela isaziso sesicelo esinikezelwe eLuntwini. UMphathi Owonyuliweyo waMapolisa weSithili uyakudlulisa ingxelo kuMantyi kwiintsuku ezingama- 35. UMphathi lo uyakwazisa imbutho yamapolisa oLuntu okuhlala okanye iqumrhu labahlawuli berhafu ngesicelo eso. Uneentsukwana nje ezingama-42 zokuphendula, ngembalelwano, kwingxelo yamapolisa kwakunye kwanokuba unike isichaso. Ukuba akukhange kubekho nkcaso ifumanekileyo kwaye ingxelo yamapolisa ifumanekile, isicelo singathunyelwa kwiBhodi yoTywala. IBhodi yoTywala iya kuqaphelisisa isicelo ngasinye ngokuphathelele kumfaki-sicelo, kwizakhiwo kwakunye nomdla woLuntu. Qaphela: Ukuthobela izikhokelo ezimisiweyo apha akuqinisekisi mpumelelo yakuba isicelo siya kuvunywa. Umthetho wotywala kwakunye nemimiselo yayo inzima yaye aBafaki-sicelo kufuneka bafune iingcebiso zeenkunkqele ngokuphathelele ekusebenzeni kwawo. Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe qhagamshelana neBhodi yoTywala yeNtshona-Koloni. |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Liquor Licencing Administration (Department of Economic Development and Tourism, Provincial Government of the Western Cape) |
IXABISO: |
Kukho intlawulo yesicelo engama- R200. Xa isiqinisekiso sinikezelwa udinga ukuhlawula le ntlawulo ilandelayo kwiofisi yentlawulo yeemali zikaRhulumente:
|
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
IBhodi Ejongene Notywala yeNtshona Koloni |
IXABISO: |
Kukho intlawulo yesicelo engama- R200. Xa isiqinisekiso sinikezelwa udinga ukuhlawula le ntlawulo ilandelayo kwiofisi yentlawulo yeemali zikaRhulumente:
|