Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Izikhalazo Ezinento Yokwenza Namashishini Anamaphepha-mvume Okushishina Ngotywala
INKCAZELO:
Ukuba usomashishini othengisa utywala uthi aphaamisane nabanye abantu, oku kunokuthi kanti akuhambiselani nomthetho iLiquor Act okanye ke imiqathango yelo phepha-mvume. Kusenokufakwa isikhalazo emapoliseni, aya kuthi ke wona amthathele amanyathelo loo somashishini. Kwingingqi apho kukho khona umbutho wasekuhlaleni, umzekelo, iqoqo lamapolisa asekuhlaleni okanye umbutho wabahlawuli berhafu osebenzayo, kuya kufuneka lo mbutho waziswe.Ukuba ingxaki leyo iyaqatsela, amapolisa kufuneka athumele ingxelo kwiBhodi Yotywala. IBhodi Yotywala leyo ke ingayichophela le ngxaki ze ibeke nemiqathango kwelo phepha-mvume lokushishina ngotywala ze ilirhoxise okanye ilinqumamise, ukuba oko kuyimfuneko.
IMIYALELO:
Ukuze ube nokufaka isikhalazo ngeshishini elinephepha-mvume lokushishina ngotywala, kufuneka unikezele ngentetho efungelweyo emapoliseni.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 13 uFebruwari 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo