Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Uncedo Ekufakeni Izicelo Zamaphepha-mvume Okushishina Ngotywala
INKCAZELO:
Ukusa Logo

Kucingeleka ukuba kungoku nje zimalunga namashumi amathathu amawaka eendawo ezithengisa nekuselelwa kuzo utywala ezingenazimpephe-mvume zakuthengisa tywala ezisebenza apha eNtshona Koloni.

Inkampani iSouth African Breweries, njengengxenye yenkqubo yayo yeenguqu kunye nenkqubo yayo yophuhliso loqoqosho lwabamnyama ephangaleleyo, iphehlelele ngokusesikweni inyathelo UKUSA Licensing ngo-2004 njengentshukumo yokungenelela kulo mkhuba wokungasebenzi ngazimpepha-mvume kwanokukhuthaza abanini bezi ndawo zithengisa nekuselelwa kuzo utywala ukuba baziqhube ngokusemthethweni ze bawaphuhlise amashishini abo. Oku ke kulandela ekhondweni leenjongo zoMgaqo-nkqubo Osaqulunqwayo Wotywala weNtshona Koloni nowapapashwa ngo-2003.

I-SAB le inika abanini-mashishini abanqwenelayo ukufumana ze basebenze ngamaphepha-mvume okuthengisa utywala ngolwazi oluphangaleleyo kwiindibano zokubazisa apho baza kuthabatha inxaxheba kwiincoko ngenkqubo yokufumana amaphepha-mvume okuthengisa utywala kwaneemfuno zomthetho kubafaki-zicelo. Oku ke kubavumela ukuba benze izigqibo abazikisisileyo ukucinga ngazo phambi kokuba bakhethe uhlobo lwephepha-mvume umntu alifunayo ze bafumanise nokuba umntu uyilungele na. Inkqubo yokubafundisa ikwaquka neengxoxo ngeempembelelo zotywala eluntwini kwakunye nesidingo sokuqhuba ishishini eliluhlonelayo neliluphuhlisayo uluntu.

I-SAB le ikwanikezela nangenkonzo yeengcebiso neyokumangala simahla, apho umfaki-sicelo yena anoxanduva lokukhupha iintlawulo zomthetho kuphela, ezinento yokwenza nesi sicelo, ndawonye neentlawulo zeentengiso ekufuneka zikho.

Xa abafaki-zicelo sele bezifakile izicelo zamaphepha-mvume okushishina ngotywala, le nkampani ibanika uqeqesho kwizakhono zokuqhuba ishishini ukubanceda bakhulise amashishini abo.
IMIYALELO:
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, qhagamshelana:noJulia Motapola kule nombolo yomnxeba 021 658 7397
noJacki Lange kule nombolo yomnxeba 021 658 7345
Inombolo Yefeksi: 021 683 4431
IFUMANEKA KWI:
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 12 uEpreli 2005
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo